Ngummi welizwe laseLesotho uTeboho Letsie (56) ogwetywe iminyaka elishumi engaphakathi ejele emva kokugwetywa yiNkundla yeNgingqi yamaTyala eKatikati ngokufunyanwa enetyala lokuba imfuyo.
ULetsie nobengumhlali eKatikati waba iigusha eziyi159 kwifama eyaziwa ngokuba yiHilling Farm.
Ngokwengxelo ephuma kwiNPA ithi, uLetsie phambi kwenkundla wadiza ukuba ngomhla wesixhenxe kuTshazimpuzi ka2022 waya kude kufuphi nale fama kungorhatya walinda kwacima izibane emva koko wayokungena ngaphakathi kubuhlanti bale fama, apho wasika khona ucingo ukulungiselela ezi gusha ekubeni ziphumele ngesikroba eso wasisikayo.
Ingxelo iqhuba ithi emveni kweveki ezimbini abahlali babona ezi gusha bazama ukuqonda kuTeboho nongazange anikeze mpendulo ivakalayo nabaye babiza amapolisa abahlali wabanjwa.
ULuyolo Tyali uthi uLetsie ngaphakathi enkundleni udize ukuba enye igusha wayixhela wayitya ezinye ebezakuzithengisa ashiyekelwe zezakhe ezimbalwana.
OnguMlawuli kwiiNkundla eMpuma Koloni uBarry Madolo, uthi ukubiwa kwemfuyo yinto ehamba phambili kwaye esi isigwebo sakuba ngumzekelo kwabo bathe gqolo ukwenza lomkhuba.
UMadolo uncome intsebenziswano yabahlali baseKatikati.
UNdlozi akakho kwikhasi likaMalema