Osisithethi sombutho wamaKomanisi oMzantsi Afrika (SACP) uGqirha Alex Mashilo uthi babekunqande kudala ukunyuswa kwerhafu iVAT ngurhulumente okhokelwa yiANC.
Oku kunyuswa kwerhafu kuphakathi kwezizathu ezibangele ukuba uMphathiswa wezeziMali kweli loMzantsi Afrika, uEnoch Godongwana, angakwazi ukuqhubela phambili nentetho yohlahlo lwabiwo mali lonyaka ka2025.
Ngentsimbi yesibini ngomhla weshumi elinethoba abantu boMzantsi Afrika bebelinde ngabomvu ukwenziwa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali, kodwa yanqunyanyiswa ngomzuzu wokugqibela.
Indibanisela yorhulumente weGNU inyanzelise ukuba kunqunyanyiswe ukwenziwa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali ngenxa yokungavani, ingakumbi ngomcimbi wokunyuswa kwerhafu iVAT.
Kuthiwa kule ntetho uGodongwana ebezakunyusa iVAT ngeepesenti ezimbini, lo nto ibizakwenza ukuba kutsalwe iVAT ekwishumi elinesixhenxe leepesenti kwiimveliso ezineVAT.
“Esi sisifundo kwiANC ukuba ifunde ukuqala imamele izimvo zoogxa bayo kwindibanisela, nokuba ifunde ukuhlonipha izimvo zeminye imibutho ekwindibanisela yeANC, iCosatu kwakunye neSACP,” kutsho uMashilo.
Uhambisa athi iANC ijongele phantsi izimvo zeminye imibutho esebenzisana nayo kwindibanisela, kwaye balindele ukuba kuqhutyelwe phambili kuhlonitshwana kule ndibanisela.
“Ukumiswa kwale ntetho yohlahlo lwabiwo mali makube sisifundo kwiANC, kubonise ngamandla ukubaluleka kwendibanisela yeANC, iCosatu neSACP,” kutsho uMashilo.
Eminye imibutho ithi ukunqunyanyiswa kwale ntetho kubonisa ukuba ngenene intando yesininzi iyasebenza kurhulumente wendibanisela yeGNU.
USteenhuisen utyelele uMisizulu