Emva kokutyikitywa kwesivumelwano sokunqumamisa umlo phakathi kweHamas noRhulumente welizwe lakwaSirayeli, iHamas iqalile ukukhulula abathinjwa bakwaSirayeli.
Abathinjwa abathe bakhululwa yiHamas baquka uRomi Gonen, uDoron Steinbrecher kwakunye noEmily Damari.
Eli nyathelo liqhwatyelwe izandla nguRhulumente welizwe loMzantsi Afrika, nanjengoko eli lalidlale indima ephambili ukuqinisekisa ukupheliswa kwale mfazwe.
UMzantsi Afrika wamangalela ilizwe lakwaSirayeli ngokubulawa kwabantu basePalestina yimikhosi yakwaSirayeli. UMphathiswa weSebe lemicimbi yezangaphandle kweli uRonald Lamola, uthi ityala liza kuqhubeka lona nokuba imfazwe iphelile.
“Ityala liza kuqhubeka ngaphandle kwamathandabuzo kuba ligxile kwimbubhiso eyenziwe nguRhulumente wakwaSirayeli eGaza nasePalestina, ukunqunyanyiswa komlo akuzukumisa ityala,” kutsho uLamola. Ukumiswa kwale mfazwe kunconywe kakhulu ngamazwe ahlukileyo kwihlabathi ngelithi oku kuza kunceda uzinzo kwindawo ezininzi kwihlabathi.
Baninzi kakhulu abantu, abantwana nabantu abadala abathe babhubha ngenxa yale mfazwe ekudala iqhubeka phakathi kwePalestina noSirayeli. Kuthiwa uMongameli welizwe lakwaSirayeli uBenjamin Netanyahu, naye ukwamnkele ukuba kunqunyanyiswe umlo obangele imbubhiso ingakumbi kwilizwe lasePalestina.
ULamola uthethe ekwintlanganiso yeWorld Economic Forum ebanjelwe iDavos eSwitzerland nalapho amele ilizwe loMzantsi Afrika. “Kudala uMzantsi Afrika umemelela ukuba kupheliswe le mfazwe kwasekuqaleni kwayo, ngoko singathi sibona impumelelo ngakwisiphakamiso sethu singuMzantsi Afrika,” kutsho uLamola.
Ngabantu abathunjiweyo abaqikelelwa kumashumi amathathu ekulindeleke ukuba bakhululwe ngokukhawuleza phantsi kwesi sivumelwano.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!