Intlanganiso ebekulindeleke ukuba iqhubeke phakathi kweKumkani yamaZulu uMisuzulu kaZwelithini nekomiti ejongene nohlengahlengiso lomhlaba inqunyanyiswe ngomzuzu wokugqibela.
Ingxelo ithi le ntlanganiso bekulindeleke ukuba ijongane nengxaki yokungaboni ngasonye phakathi kukaMisuzulu kwakunye nebhodi yeNgonyama Trust.
INgonyama Trust libhunga elamiselwa ngeenjongo zokuphatha amagunya obunikazi bomhlaba othile wephondo laseKZN ngexesha likaKumkani uGoodwill Zwelithini.
USihlalo wale komiti uAlbert Mngcwango uthi baqaphele ukuba iofisi kaMongameli uCyril Ramaphosa ayikhange yaziswe ngale ntlanganiso.
“Kukho uluvo lokuba uMongameli uCyril Ramaphosa kumele ukuba abenolwazi ngentlanganiso efana nale, ingaqhubeki ngaphandle kolwazi lwakhe, kukho imicimbi ecekethekileyo enokuchukunyiswa xa sihlangene,” kutsho uMngcwango.
Ekupheleni konyaka ophelileyo, uKumkani Misizulu unqumamise amalungu webhodi yeNgonyama Trust emva kokungaboni ngasonye kunye nawo.
Othethe egameni lekomiti yohlangahlengiso lomhlaba egameni leDemocratic Alliance, uBonginkosi Madikizela, uphakathi kwamalungu athi akukho sizathu sokumiswa kwale ntlanganiso.
Ukuphazamiseka kobudlelwane phakathi kweKumkani uMisizulu kaZwelithini kwakunye nebhodi yeNgonyama Trust zezinye zeengxaki ezibangela iingxaki kwisizwe sakwaZulu ngexesha lokulawula kukaMisuzulu.
Ingxelo ithi ikomiti yohlengahlengiso lomhlaba ikholelwa ukuba kumele ukuba iqhubele phambili le ntlanganiso kungekudala.
UDuduzile Zuma-Sambudla uthi izityholo atyatyekwa zona yindlela yokulwa uyise