Imbongi yosiba ekwayintombi nto uAndisiwe Vinqi (21), nokwaliwele kuLinathi Vinqi, belali iMkhonjana eLady Frere, uzicelela iivoti nanjengoko ekwabo bakumagqibela kankqoyi kukhuphiswano olubizwa Indoni Cultural Modelling Competition, emele isizwe sabaThembu.
UVinqi, ongumfundi kwiYunivesithi yaseKapa eNtshona Koloni, uthi olu lukhuphiswano ekwakukudala enqwenela ukuzibona eyinxalenye nalo ngeenjongo zokufezekisa amaphupha akhe.
Uthi ukhule engumntwana onomahluko othanda kakhulu inkcubeko nesiXhosa.
“Ndiyasithanda isiNtu, kulibhongo neqhayiya kum. Okunye kukuba apha kwi-Indoni kufundiswa iintombi ngendlela yokuziphatha nangamasiko nezithethe, ingaphelelanga apho, ubone nezinye iinkcubeko zezinye izizwe. Ndingathi kwenziwa ubumbano phakathi kwezizwe zabantu abantsundu,” utshilo uVinqi.
Le mbongikazi yosiba nenewele elikwangumbhali nalo, sele iphumelele amakhuphiswano emibongo aliqela, esingabalula eleMqhayi Day ngo2019 nowajika kwiphondo. Uthi yayilukhuphiswano lwababhali abasakhasayo neyaye yabanguye intshatsheli.
“Esikolweni endandikuso ndisenza amabanga aphezulu eLuvuyo Lerumo High kuKomani, ndandigqame kakhulu esiXhoseni. Ngo2020 ndaphumelela ukhuphiswano kuMhlobo Wenene FM kumbongo wam othi Umhlobo Wenene isikhululo esingungqa phambili – apho ndawongwa ngeR4000.’’
Uthi ngonyaka ka2018 wamenywa ngutata oligqala esiXhoseni uNcedile Sawule ekubeni ayokwenza umbongo ngoMqhayi eRhodes University.
Le mbongikazi ithi ibonela kumama uNoxolo Grootboom owayegqame ngokufunda iindaba zesiXhosa kamnandi nangokusulungekileyo kumabonakude.
Xa uvotela uVinqi wenjenje: “Indoni Miss Thembu” ku33616. Umyalezo uza kutya iR150 kuphela.
Usuku olukhulu lokhuphiswano lungomhla we16 kwinyanga yoMnga eICC eThekwini, KwaZulu Natal.
UJose Riveiro wonwabele ukusebenza noLorch kwakhona kumdlalo weBlack Label Cup