Inkosikazi yaseMdantsane ibanjelwe ukuba nentsangu exabisa ngaphezulu kweR250 000

Intsangu efunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Umrhanelwa wasetyhini oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ubanjwe eMdantsane ngoLwesithathu umhla we16 kweyeDwarha 2024, kulandela ulwazi malunga neziyobisi ezaziza kuhanjiswa kwindlu ekwaNU5 eMdantsane, eMonti.

Isithethi samapolisa, uKapteni Hazel Mqala, uthi amapolisa akhawuleza asabela, nalapho afika azazisa aza acela imvume yokugqogqa endlini, kwaye ayinikwa.

Intsangu efunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

UMqala uthi ngethuba begqogqa, bafumene intsango exabisa imali engaphaya kweR250 000, nalapho kufunyenwe oku kulandelayo:

– Iingxowa ezilikhulu elinamashumi amane ananye (141) ezinentsango.

– Amashumi amahlanu anesine (54) amabhali entsangu esongelwe ngeengxowa ezimnyama.

– Intsango enye engabotshwanga kwifatyi ebhulowu.

“Bathe xa bephinda begqogqa kule ndlu, bafumene isixamali esingachazwanga ethe yathathwa nayo,” utshilo uMqala.

Umrhanelwa ujongene nezityholo zokufunyanwa enentsango kunye nokuthengisa intsango, kwaye kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala eMdantsane namhlanje uLwesihlanu, we18 kweyeDwarha 2024.