Emva kwesimbonono ngabo basilelayo ukondla abantwana babo, urhwaphilizo oluthe mbende le nkqubo, kwaneminye imiqobo, iOfisi yoMkhuseli Woluntu eBhisho ibone kufanelekile ukuba ingenelele ngokubiza imbizo.
“Simeme onke amaziko achaphazelekayo ukuze azokuchopha ayichaze kwabo bakuba bezimase le ndibano, ukuze sifumane isisombululo,” utshilo uMonde Ciko weOfisi yoMkhuseli Woluntu.
Ngokokutsho kwale ofisi, isahluko sethoba soMgaqo-siseko woMzantsi Afrika sigunyazisa ukusekwa kwamaziko esizwe axhasa intando yesininzi esekelwe kumgaqo siseko.
Ukanti iOfisi yoMkhuseli Woluntu lelinye laloo maziko, nexanduva lwayo ikukukhusela uluntu ekuxhatshazweni ngurhulumente, amaziko asebenzela urhulumente, kwanamagosa karhulumente.
Kungoku nje le ofisi, imaxhaphetshu ilungiselela imbizo yasesidlangalaleni eGompo Hall, eDuncan Village, eMonti, nekunjongo yayo ikukuva kwabo bachaphazelekayo.
“Sakusele sibetha iintaka ezimbini ngelitye elinye, kuba kwangalo mhla sakube sisungula ngokusesikweni uphando olunzulu ngalo mba kweli phondo leMpuma Koloni,” utshilo uCiko.
Ukwathe oku kulandela intlaninge yezikhalazo zoluntu ezithe zangena kule ofisi kwiminyaka egqithileyo, nebabonileyo ukuba njengeOfisi yoMkhusheli Woluntu badlale indima yabo.
Ukanti ukusungulwa kophando olunzulu yile Ofisi yoMkhuseli Woluntu kona, kujoliswe ekufumaneni iziphene kwindlela ekusetyenzwa nekuhlawulwa ngayo imali yesondlo sabantwana.
Le Ofisi ikhweba wonke umntu onamava nonolwazi lwezinto ezikhwinisayo nezenzekayo malunga nemali yesondlo sabantwana. Oku kungasukela kwinkqubo engancedisaniyo nabo bafaka izicelo, ukungahlawulwa ngethuba kwemali yesondlo sabantwana, ukurhuqwa kweenyawo ngurhulumente ekuthatheni amanyathelo ngakwabo basilelayo ukondla abantwana, kuquka norhwaphilizo.
Le ndibano iza kubanjwa ngentsimbi yeshumi kusasa, ukuya kwintsimbi yesibini emva kwemini, ngoLwesibini, umhla we21 kule nyanga yoMqungu, eGompo Hall, eDuncan Village, eMonti.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!