Halala kuNjingalwazi Tshobisa Mtuze!

UNjingalwazi uTshobisa Mtuze onikwe imbeko ngegalelo lakhe kulwimi lwesiXhosa kutshanje. UMFANEKISO: DSRAC

Isebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni lenze umsebenzi omhle wokunika imbeko kuNjingalwazi uTshobisa Mtuze ngegalelo lakhe kulwimi lwesiXhosa. Oku kwenzeke ngethuba kuqhutywa ucweyo ngoncwadi eMonti, kwaye kubaluleke kakhulu ukuhlonitshwa kwabantu besaphila.

UNjingalwazi Mtuze ubhale iincwadi ngolwimi lwesiXhosa ezingaphezulu kwamashumi amabini. Eli ligalelo elingenakulinganiswa nanto kwiinzame zokukhusela, ukukhulisa nogcina ulwimi lwesiXhosa.

Ababhali besi sizukulwana baya kukhuthazwa yimisebenzi kaMtuze nabanye ababhali. Ngaphambi kokuba abhale iincwadi, uMtuze usebenze njengetoliki ezinkundleni waza kamva wasebenza kwiRadio Xhosa eQonce. Ngenxa yokuthanda kwakhe ulwimi lwesiXhosa, uMtuze ukhule ngobhala iincwadi ezininzi eziquka ingqokelela yemibongo ethi uGadla.

KuRhulumente waseTranskei naseCiskei, umsebenzi wakhe usetyenziswe kakhulu ezikolweni. Encokola neSolezwe ngo2017, uMtuze wakhuthaza ababhali bolwimi lwesiXhosa kweli phephandaba wathi: “Kwekhu kuyavuyisa ukubona iphephandaba elifana neSolezwe kuba oku kuthetha ukuba noko akhona amabhaku amatsha athanda ulwimi lwesiXhosa, qhubani madoda,” watsho uMtuze.

Ngexesha lokuhlohla kwakhe kwiiYunivesithi ezahlukeneyo kweli – ebethandwa kakhulu ngabafundi bakhe ngenxa yoburharha bakhe kwigumbi lokufundisa.

“Umntu ongumbhali onokubhala egazini lakhe, uhlala ephethe incwadana nosiba lokuba abhale nantoni emfikelayo xa ethe wafunyanwa yilonto,” watsho uMtuze kubafundi bakhe.

Eqhayisa ngomsebenzi wakhe kwincwadi ebhalwe ngobomi bukabawo uNelson Mandela, uNjingalwazi Mtuze wathi: “Ndim ndodwa okwazileyo ukuguqula incwadi engobomi bukabawo uMandela, ndiyiguqulela esiXhoseni kuba yayibhalwe ngesiNgesi, lowo ngumsebenzi endawenza ngothando nangomonde,” waqhayisa watsho uMadiba.

Kunqabile ukubona amagxibha anjengaye enikwa imbeko ngethuba lokudla kwakhe ubomi. UNjingalwazi Mtuze yinzalelwane yaseMetele, kodwa ukwabanga ukuba uneengcambu ezikuZingquthu eCacadu.