Isebe lezempilo kuzwelonke lithe ngabantwana abayi1448 abathe bazalwa eMzantsi Afrika ngoSuku loNyaka oMtsha, umhla wokuqala kweyoMqungu ka2025.
Eli nani lehlile xa lithelekiswa nonyaka ophelileyo apho abantwana abazalwa ngoSuku loNyaka oMtsha ngo2024 babeyi1703.
Uninzi lwaba bantwana bazalelwe eGauteng kulandele iMpuma Koloni kunye neLimpopo.
Isebe lithi ukukhulelwa kolutsha (teenagers) nako kwehle ngomyinge wamashumi amahlanu eepesenti ekhulwini.
Ngo2024, ulutsha oluyi190 luye lwabeleka ngoSuku loNyaka oMtsha xa kuthelekiswa nolutsha oluyi80 kulo nyaka.
Nangona kunjalo, isithethi sesebe lezempilo uFoster Mohale uthe iSebe libongoza onke amacandelo oluntu, ingakumbi iintsapho ukuba zibambisane norhulumente kwakunye neminye imibutho engekho phantsi kukarhulumente ukulwa ukukhulelwa kolutsha.
“Ukukhulelwa kolutsha kudla ngokukhokelela ekungahambini kakuhle isikolo, ukungaqhubi kakuhle kuze ekugqibeleni bayeke isikolo, ngakumbi koomama abangenayo inkxaso yentsapho yokukhathalela iintsana xa oomama besiya esikolweni.
“ISebe lezeMpilo lithe ukusebenzisana namanye amaSebe oPhuhliso loLuntu kunye neMfundo esiSiseko kuya kuqhubeka nokuxhasa bonke oomama ngeenkqubo ezikhoyo zokuqinisekisa ukuba iintsana zabo ziyaphila kwaye zikhula kakuhle.”
Inani leentsana ezizelwe kwiphondo ngalinye:
– eGauteng: 387
– eMpuma Koloni: 219
– eLimpopo: 191
– eKZN :185
– eMpumalanga: 154
– eNtshona Koloni: 101
– eMntla Ntshona: 89
– eFreyistata: 85
– eMntla Koloni: 37
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
Inkqubo kamabonakude entsha ekhangela abaduka bashiya izinqandamathe zabo