Bangangawuboni umzimba wentombi yabo ebhubhele eChina

Iakhawunti ongathi ufake khona wena unqwenela ukuncedisana neli khaya ngalo nto unayo.

Usapho lukaSiphosethu Mqokozo, 30, obhubhele eChina kwinyanga ephelileyo luxakene nengxaki yokudibanisa iR400 000 ukuze azokungcwatyelwa ekhaya.

Olu sapho lwelali iValbank eZingqaqeni kude kufuphi nedolophu yakuKomani kweli phondo, luthatha lubeka yile nyewe. Umama wexhoba uFuneka Mqokozo (56) uthi kuvele kwaphela nentlungu yokuba ebhujelwe ngumntwana, emenza kuse ehleli nomyeni wakhe yile mali ingaka bangayaziyo nokuba baza kuyithatha phi. Kwaye neyokuba kuza kutshiswa umntwana wakhe kwela lizwe ukuba abanayo le mali ayimphathi kakuhle.

UMqokozo uthi ngethuba umntwana wakhe ehamba ngeyeNkanga ka2019 esiya eChina eyokukhangela amadlelo aluhlaza kwakungekho mnandi kuye, qha kuba wayengenandlela anokwenza ngayo.

“Ndandingonwabanga ukuhamba kwakhe ndinexhala lokuba umntwana wam ezokubayedwa kwelinye ilizwe. Ndandixhalabe njengamzali kanti ngenene ndibethelwa koku kwenzekileyo. Kodwa ke kuba sitsala nzima kweli khaya kwaye kunqabe nemisebenzi ndandingenayo enye indlela,” utshilo uMam’ uMqokozo.

USiphosethu, obengutitshala wesiNgesi eChina, ubhubhe ngoLwesine ezintsukwini umhla wama22 kweyoMsintsi wabe ngoLwesithathu encokole nomama wakhe uFuneka engathethanga nganto ibuhlungu kuye.

Umama wakhe uthi into ebesoloko ekhala ngayo kukuba “mama akusekho mnandi njengakuqala apha” nangona esithi ebengade ayithethe ukuba kwenzekani.

“Andisafuni nokuyazi ukuba emntwaneni wam kwenzeke ntoni, endikufunayo kukuba makabekokwabo simngcwabe, sizokwazi ukukhomba amathambo wakhe kwakunye nengcwaba lakhe.”

Ezi ndaba uthi uzive emva kwemini ngoLwesine umhla wama23, emva kokufika komnxeba wokuba uSiphosethu uquleke phantsi wabhubha, kwabe ke kuphelele apho enye abayazi.

“Xa bendithetha naye ngezolo zange atsho ukuba unento ebuhlungu koko bemane esithi akusekho mnandi kwela lizwe njengakuqala, esithi kuninzi okwenzekayo. Xa ndimngcambazisa ayizulisele qha athi ufuna ukubuya,” utshilo uMqokozo.

USiphosethu ngumntwana wesine kubantwana abahlanu bakaFuneka. Uye eChina ngo2019 eyokuhlohla isiNgesi kwela lizwe. Emva kokudinga umsebenzi untingele kweli lizwe kanti iyokuba sisiphelo sobomi bakhe.

Umama wakhe uthi iminqweno kaSiphosethu ibikukuphucula ikhaya lakhe njengoko bengathathi ntweni.

Utata wekhaya uZwelidumile Mqokozo uthi amandla okuthetha ngale nto akanawo kuba akazazi nokuba uza kuqala ngaphi.

“Ukuzala umntwana kanti awuzukumazi nethambo lakhe ukuba lilele phi,” utshilo.

UFuneka uthi sele beneR10 000 kuphela esele beyifumene kwiakhawunti yesicelo evuliweyo.

USodolophu woMasipala iEmalahleni utyelele ngeCawa kweli khaya lakwaMqokozo eyokusabela kwaye eyokulilisana nalo.

Usapho luthi lusalindile njengoko lucela kuluntu nokuba yintoni na. UFuneka uthi abakoyikayo kukuba ude utshiswe umzimba.

Kwakule nyanga inye, kubhubhe uLindokuhle Sixaxeni waseMosselbay naye ebeseChina engumhlohli wolwimi lwesiNgesi. Umzimba kaSixaxeni ulinde kumzi wezidumbu oseBeijing nalapho usapho lwakhe ludinga imali yokumthoba eze ekhaya.