‘Bakhulula babeze bazonywaye abantwana bam ngenxa yeziyobisi’

“Akukhonto imnandi xa ungumzali ubenanabantwana abasebenzisa iziyobisi. Abam ababini pha endlini bakhulula babeze bazonywaye umzimba wonke, izithende zona zimnyama ngathi zinodaka iibhulukhwe zona ngathi zine oyile. Ndihleli le ntlungu wasenza umntu owenza iziyobisi wazizisa kweli Monti,” Lo ngumama osele ekhulile obeyinxalenye nomngcelele obuzisa uxwebhu lezikhalazo eCalifornia ngoLwesithathu.

Abahlali baseDuncan Village benze umngcelele ukusuka eDuncan Village ukuya eMonti edolophini kwisitalato esinendawo yokusela ebizwa ngeCalifornia nabafuna ivalwe kuba bebanga ngelithi ishishina ngeziyobisi: UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Umama (67) nongafunanga kuchazwa ngagama uthi uzincamile weza kulomngcelele ukusuka eDuncan Village ngenyawo ukuzokutsho kwesi sitalato sisedolophini eMonti kuba efuna de ivalwe le Calfornia.

Le Calfornia yindawo ehlala abantu bangaphandle kwaye idume ngokushishina ngeziyobisi nangokuvula amagumbi eyure kwababhinqileyo ekubeni bashishine ngomzimba.

Omnye umzali othengisa iziqhamo edolophini eMonti, uthi unabantwana abahlanu ababini kubo basebenzisa iziyobisi. Oka 2007 nopase uGrade12 naye uphila le mpilo. Lo mzali uthi wayenethemba ngethuba omnye wabantwana bakhe epasa uGrade12 lokuba uzakutshintsha imeko kodwa kwavele kwakubi nangakumbi.

“Ndithe ndakubona abantu bebaninzi ndathi ndakuva ukuba ngabahlali abalwa le ndawo edume ngokugqiba iintsana zethu ngeziyobisi, ndaphakama ndashiya itafile yodwa kuba nam iyandichaphazela le ndawo,” utshilo umzali.

Imibutho efana neAction SA, iPAC, abahlali kuquka neeForum zabo, bebephuma eDuncan Village iziphaluka, iScenery Park kwakunye noMdantsane babambe umngcelele oya kwisitalato esisedolophini eMonti iCalfornia nedume kakhulu ngokuhlala abantu bangaphandle abathengisa iziyobisi nabakwanamagumbi okuthengisa ngomzimba kwamantombazana aseMonti.

Abahlali batsho ngazwilinye besithi mayivalwe le ndawo kuba ingumbulalazwe njengoko abantwana babo begqitywa yile ndawo kuba ingena hayi nakoluphi na uhlobo lwesiyobisi.

Ilungu leCPF uLaduma Sputla Salman, uthi abanaso esi kesabo isikhululo samaPolisa besebenzisa uLoyt okude kubo. Uthi umphathiswa wamaPolisa kuzwelonke uBheki Cele wayezile ngo2017/2018 kule ndawo uyayazi kodwa zange kubekho kwatshintso lwenzekayo, uqhube wathi ona amaPolisa awakwenzi ekufanele ayakwenza ebahlalini. Uqhube wathi kumanye amazwe afana nooNigeria soze wena walapha uyokuthengisa iziyobisi kulo mazwe.

Olitshantliziyo eBCM nokwanguSihlalo weForum, uSicelo Hewukile uthi nakwindawo zokuhlala bona awabonakali amaPolisa. Uthi abayanga eCalfonia uyokulwa koko bayokuvala iCalfornia kuba ibulala ikamva labantwana ikwabulala nabazali kuba kaloku bahlukunyezwa yimeko yabantwana babo.

“Asoze sihlukumezeke kwilizwe lethu. Sifuna abangengobalapha bahlale bephethe iipasi zabo nanini na ifunwa ifumaneke. Xa umntwana ekwimeko embi ibangumzali ochaphazelekayo kakhulu akubulawa kamva yabantwana bethu qha ba babulala nabazali. Siyayazi iCalfornia le iinendawo kwalapha eMonti ayiphelelanga apha,” utshilo uHewukile.

UColonel Jongisizwe Manyisana ulamkele olu xwebhu lwezikhalazo belizokudluliswa ngabahlali malunga nokuvalwa kwale ndawo watsho elityikitya. UManyisana ucele iintsuku malunga nale nyewe, ethembisa ukuba ngomhla wokuqala kuJulayi bazakube bebuyela kubahlali. UManyisana uthi ayiyo Calfornia yodwa enale ngxaki yeziyobisi neQonce okanye angathi iBuffalo City iphela.