“Ngethuba kufika iindaba zokuba ityotyombe lam liyatsha ngumlilo bendikwindawo yentselo ndisela, buvele bama emqaleni utywala abaginyeka, into engazange yenzeka kum ngenxa yomothuko.”
Lo nguZwelethemba Tunywa, 48, oshiyeke nezo zisesiqwini kuphela iimpahla, nophakathi kwabantu abayi169 abashiyeke bengenamakhaya emva kokutshelwa ngamatyotyombe abo eMzamomhle eGqunube eMonti.
La matyotyombe atshileyo ayi60 kuquka nendlu enye yesitena enxuse kula matyotyombe. Ube mnye umntu otshileyo kodwa sele ephumile esibhedlele. UAviwe Sola (24) uthi utshe emqolo ngethuba bezama ukukhupha iimpahla zikamzala wakhe kwityotyombe elitshayo.
La matyotyombe atshe phambi kwentsimbi yeshumi kusasa ngeCawa emva kokuqhushumba kweentambo zombane, ngokokutsho kwamaxhoba.
UZwelethemba uthi akukho nenye into ayicholileyo ngaphakathi endlini yakhe kuba uthi ufike sele unwenwile umlilo .
Uthi ithemba lakhe ngoku likubantu abancedayo kuba akaphangeli, akanawo amandla okuvusa ityotyombe lakhe kwaye engenayo nemali yoyokwenza isazisi sakhe njengoko sitshele etyotyombeni elo. Ebekhala ngelithi akafumani nezo R350 zikarhulumente.
Uninzi lwamaxhoba lushiyeke nezo zisesiqwini njengoko lungakwazanga ukusindisa iimpahla ngaphakathi kumatyotyombe lawo.
Abantwana ebekumele ukuba babhala iimviwo zabo zokuphela konyaka ababhalanga ngoMvulo kuba batshelwe yiyunifomu kwakunye neencwadi zabo.
Umama wendlu yesitena etshileyo uNompumelelo Maqulumana, 50, uthi bathandabuzile ukukhupha iimpahla ngaphakathi kuba lo mlilo ibingathi awuzukuya ngasendlini yakhe. Kodwa uthi ngenxa yomoya uvele wadwanguza unwenwa ngokukhawuleza.
UMaqulumana unabantwana abatshelwe yiyunifomu. Uthi ujonge kuncedo oluzayo kuba akanamali uxhomekeke kwimisebenzi yeentsuku. Yena nabatshana bakhe abathathu abangakwazanga ukuya esikolweni kuquka nomzukulwana wakhe oneenyanga ezintandathu kuphela ezelwe baphakathi kwamaxhoma asahlaliswa kwiholo loluntu.
UMkhululi Tonga, 52, oshiyeke engenakhaya naye, uthi ebesezilalini eMooiplaas ngethuba kusitsha.
“Andifuni nokuyicinga eyenzekileyo! Ndifike sele ingathi yintsomi sekuwe yonke into phantsi, bendingaboni nendlu yam sendikhonjiswa ngabantu kusithwa belilapha ityotyombe lakho. Kuqala ndicinge kuyaxokwa xa bendifowunelwa kusithiwa mandikhawuleze kuyatsha, kanti kunjalo,” utshilo uTonga.
Umbutho wesisa iGift of the Givers ikuqinisekisile ukuba amaxhoba la aseholweni ayatya njengoko sele ixhase ngokuninzi ukutya, iimpahla zokunxiba, amanapkeni, iingubo kwakunye noomatrasi.
OweGif of the Givers eMpuma Koloni, uCorene Conradie, uthi ngosuku bawatyisa kabini amaxhoba. Uthi baza kuthi gqolo ukuwahlangula de abe kanti urhulumente uyawabonelela.
OliLungu lePalamente, uMncedisi Nontsele, uthi ikhona imigushuzo eyenziwayo nguMasipala ukuqinisekisa ukuba amaxhoba akhuselekile. Uthi bavelana nawo amaxhoba njengoko oku kwenzeke ngexesha leKrisimesi.
Isithethi saseBCM, uSamkelo Ngwenya, uthi bakwiintetho namasebe karhulumente ngeenzame zokulungiselela onke amaxhoba atshelwe zizazisi. Uthi okwangoku amaxhoba asaxhwarhiswe kweli holo ekubeni akhuseleke.
Ulutsha olutshelwe ngamatyotyombe I’solezwe lesiXhosa lifike luzama ukuwavusa kwakhona.
Prevent blocked sewers during festive season