Abantu abadala abangamashumi amane anesixhenxe (47) kunye nabantwana abane (4) abaphakathi kweenyanga ezilithoba (9) kunye neminyaka emihlanu (5) ubudala babhaqwe ngamagosa ezendlela kwitreyila yeloli ngexesha lokuhlolwa kwezithuthi kuhola wendlela uN1 osingise emazantsi eFreyistata.
Oku kwenzeke ngeCawe kule mpelaveki iphelileyo. Iingxelo zithi xa amagosa ezendlela ehlola le loli, eve ingxolo iphuma kwitreyila, nalapho afumene khona aba bantu.
Kuthiwa abantu abangamashumi amabini anesibhozo (28) – abasetyhini ababini (2) kunye namadoda angamashumi amabini anesithandathu (26) – bafunyenwe bengabaphambukeli abangekho mthethweni abevela eLesotho. Baye babanjwa ngenxa yokwaphula umthetho weImmigration Act.
Umqhubi weloli ubekwe ityala lokuthutha abakhweli ngenjongo yokufumana umvuzo ngaphandle kwelayisensi yokusebenza. Isithuthi siye sathinjwa kwaye sithetha nje sigcinwe kwiziko lezithuthi ezithinjwe ezindleleni.
Ibambela leNkulumbuso yaseFreyistata, uJabu Mbalula, ukhuphe isilumkiso esiqatha kubantu beeloli. “Sicebisa abantu beeloli ukuba bahlale bebeka esweni izithuthi zabo ukuthintela izenzo ezingekho mthethweni ezenziwa ngabaqhubi. Ukuqaphela kubalulekile ekuthinteleni ezi ntlobo zeziganeko nokuqinisekisa ukhuseleko lwabo bonke abasebenzisi bendlela,” utshilo.
UNabi ufuna abadlali abavutshiweyo, hayi imiqheliswa kwiChiefs!