Iindaba zokufunyanwa kwesoseyiji eyenziwe ngokutya kwezinja eKapa, eMfuleni, zilandela emva kweengxelo eziliqela zokubhubha kwabantwana zizinto ezindala ezithengiswa kwiivenkile zabemi bangaphandle.
Konke oku akuthethi nto ingako kurhulumente weli de abahlali bazithathele amanyathelo ngokwabo okuvala iivenkile zala madoda.
Izimanga ezenzeka kweli lizwe zikushiya nombuzo wokuba inokuba ziyenzeka na kumanye amazwe.
Aba bantu bathengisela abantu izinto ezibulalayo, bangene bathatha uqoqosho lwasekuhlaleni baluthathela ezandleni zabo urhulumente ebukele.
Ingaba kukho izivumelwano esingazaziyo norhulumente weli namazwe abaphuma kuwo aba bantu? Kodwa uninzi lwabo baphuma kumazwe angenabo ubuhlobo bucacileyo neli. Uninzi luphuma kumazwe afana neSomalia, Bangladesh nase-Ethiopia.
Ingaba urhulumente wethu ubotshelwa zizivumelwano zombutho wezizwe ezimanyeneyo okanye izivumelwano zembumba yamazwe aseAfrika?
Azipheli izimanga ezenziwa ngabantu bamazwe angaphandle kweli, ingaba isekhona into ekuthiwa ngurhulumente eMzantsi Afrika?
Ngaphandle kokubulala abantu ngokutya okudala okunezithako ezibulalayo, la madoda athatha imali yeli ayigcine ezindlini angayithumeli ezibhankini nakwinkqubo yabarhafi.
Ingakhula njani imeko yezoqoqosho ngelixa uqoqosho lwasekuhlaleni luhleli ezandleni zabantu abangasebenzi kakuhle, abangasebenzisaniyo nemithetho yelizwe.
Owona mbuzo ngowokuba ingaba izinto ezenzeka eMzantsi Afrika ziyenzeka na kumanye amazwe. Iinkokeli ezakhe zakho apha ngaphambili zazigxile kakhulu kubantu balapha ukukhulisa uqoqosho.
UDaliwonga Matanzima ngexesha lakhe eTranskei wagxotha abelungu emini ilanga lilayitile, ezo fama zanikwa abantu abamnyama.
Iivenkile ezaziphethwe ngabo belungu zathathwa zanikwa abantu abamnyama kuquka nezinye izinto ababenazo. Yinto le inzima kwilizwe elinomgaqo-siseko ekuthiwa ngowona ungcono kwihlabathi lonke.
Ingaba lo mgaqo-siseko uphucuke ukuze wenze ngcono iimpilo zabantu bamanye amazwe kweli loMzantsi Afrika?
Akuthathwa nini amanyathelo ngurhulumente ngale meko yokutyiswa kwabantu izinto ezibulalayo ezithengiswa kwiivenkile zabantu bangaphandle? Ingaba ngenene kumanye amazwe abantu abaphuma ngaphandle kwalo mazwe bayakwazi ukuvula iivenkile? Azipheli izimanga kweli, ingaba sinaye urhulumente?
Libuyela ngeyoKwindla iPolisakazi laseMonti elijongene nezityholo zobusela!