UMncedisi Malgas ngumfama owaziwayo kweli leMpuma Koloni ngokulima nokufuya iigusha, iinkomo neebhokhwe, uthi waziyeka iigusha ngenxa yamasela aseKatikati.
Oku kungqinelana nesiganeko sakutsha nje nalapho amapolisa aseKatikati abambe avalela amadoda amabini ebehamba ngemoto yohlobo lweToyota Tazz elayishe iigusha ezintandathu.
Emva kokuthi ndi kwezi ngxelo kumakhasi onxibelelwano abantu bavakalise umothuko sesi siganeko.
“Zingaphezu kwekhulu elinamashumi amahlanu iigusha zam ezibiwe izihlandlo ezahlukeneyo eKatikati, zibiwa ngokwamaqela ukusukela ngo2012,” kutsho uMalgas.
Lo mfama ungatyhafiyo uthi zininzi iinzame abazenzileyo ukuzama ukunqanda ilahleko yokuthathelwa iigusha zabo ngamasela eKatikati.
“Neebhokhwe bayazithatha, kodwa iigusha ezi zezona bazithutha ngamandla, ndithathe isigqibo sokuba ndiyaziyeka iigusha ngenxa yamasela aseKatikati,” utshilo.
Nangona kunjalo, uluntu luncome umsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa aseKatikati ukubamba la masela.
Ingxelo yabakwaStats SA ngo2016 ithe ingxaki ebangela ukungehli kokubiwa kwemfuyo eMpuma Koloni kukungachazwa kwemfuyo elahlekayo emapoliseni.
UChris Sheard ngumfuyi weenkomo neegusha eKatikati, uthi kudala besenza iinzame zokulwa le ngxaki.
“Side sasebenzisa le ndlela ikhoyo yokuba kubekho itracker apha ezigusheni, iyaqhawulwa ilahlwe, ufike ilele ecaleni kwendlela,” utsho.
Ixabiso legusha enye ngokwentengiso yasesidlangalaleni lihleli kwiwaka elinamakhulu amabini ukuya kwamane nangaphezu.
Ukuthathwa kwezi gusha kungakhokelela ukuba la mafama avale iifama zawo ezifuya iigusha, oko kube yilahleko yemisebenzi kubantu beli.
Uthi ininzi kakhulu imali ebalahlekela ngonyaka rhoqo xa zithe zathathwa iigusha zabo.
“Ungayiqikelela kwizigidi ezithandathu imali ethi ilahleke ngenxa yokuthathwa kweegusha zethu ngamasela,” utshilo uSheard.
Ingxelo yabakwaStats SA ithi unyaka ka2011 no2012 yeyona minyaka ibinamanani aphezulu okuthathwa kwemfuyo enjengeegusha.
Unyaka ka2015 no2016 yeyona minyaka inamanani aphantsi okuthathwa kwemfuyo kuzwelonke.
Iphondo leMpuma Koloni, Freyistata neKwaZulu-Natal ngawona maphondo anengxaki ephezulu yokuthathwa kwemfuyo equka iigusha.
Imvumi yodumo yomculo wegospile uButho Vuthela ngo2016 ulahlekelwe zigusha ezingaphezu kwekhulu.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!