Umama uNoAndile Fabele, 72, obephakathi kwabahlali belokishi yaseMsobomvu eGcuwa, nokwalilungu lombutho wabahlali abalwa ubundlobongela, naye bekuqhankqalazo oluthathe iintsuku ezine kula lokishi ngethuba belwela ukubanjwa kwamalungu abo athe athathela umthetho ezandleni zawo kwabo bathe gqolo ukophula umthetho kula mmandla.
UFabele uthi into ebangele ukuba ancame konke kukuba eli qonga liyabakhusela kuba ngoku ebekwazi nokoneka iingubo zakhe futhi zilale phandle kuse zikhona, nto leyo ibikade ingenzeki ngenxa yolutsha olugqugqisa kula lokishi ingakumbi olo luthengisa iziyobisi.
“Impilo ayintlanga esiyihleli kule lokishi eyayikade ipholile, zenza iziyobisi ngokufika kwazo, ingathi ngoku sikwenye indawo. Ndihlala ndodwa emzini wam, ndilixhoba lokuqhekezelwa ndikhona ndilele endlini, ndalivula ityala nelingazange lihambele ndawo kunanamhlanje umkhondo ndiwusile emapoliseni. Okutyhafisayo kukuba amapolisa asebenzisana naba bantwana bamoshayo. Xa eli qonga likhona ndilala okosana into ibikade ingenzeki kuba bekudla ngokusa ndihleli ndisoyika,” utshilo uFabele.
Ingxelo ithi kule lokishi kulala nezinja ngoku xa eli qela lisebenza kuba bezidla ngokukhonkotha ubusuku bonke ngenxa yezaphulimthetho.
Owona nobangela bawukhalazelayo abahlali bubundlobongela obenzekayo kwanezinga eliphezulu lokuthengiswa kweziyobisi, nto leyo idala ukungabikho kozinzo eMsobomvu.
Kwiveki ephelileyo kubanjwe abahlali ngamapolisa emva kokuba bebethe amaphara. Abalishumi elinesibini (12) bachithe impelaveki yonke eziseleni nto leyo ibangele abahlali bamise iintshukumo eMsobomvu ngezi ntsuku. Aba bakhululiwe ngoMvulo, lamiselwa umhla wokuqala kwinyanga ezayo ityala labo lokubetha.
Omnye wabahlali ethetha neli phephandaba ngokufihlakeleyo uthe: “Iyaxaka into yamapolisa ale lokishi ngoba xa siwabiza siqhekezelwe okanye siwahlebela ngendlu ethengisa iziyobisi ayazulisa. Kodwa xa iyiforam izithathela umthetho ataka kuqala, into ebonisa ukuba anentsebenziswano nala maphara,” utshilo ongumhlali kule lokishi.
Itshantliziyo uMbuyi Kasana nokwaphuma kumbutho ongenanto yakwenza norhulumente, IGwiba leSizwe, uthi kuninzi kwaye mkhulu nomahluko owenziwa yile foram ekuhlaleni.
“Ngenene utshintsho lubakhona xa ithe yangenelela.”
Uthi amapolisa awazi xa ebizwa kuba zininzi iziganeko zisenzeka abizwe, kodwa angafiki.
Kwinyanga ephelileyo ngomhla wesibhozo, le foram yaseMsobomvu yamemelela iimvaba ngeemvaba ziyokunyathela kula lokishi ngeenzame zokuncedisana nabo ukugxotha usathana ophehluzelisa iGcuwa ngeziyobisi kwanabo bophula umthetho.
Kunikezelwa ngeR50 000 kumntu onolwazi ngabarhanelwa abadlwengula iintwazana zaseBityi