Bangaphezu kwe1500 amabanjwa aqhweshileyo entolongweni eMozambique, phakathi kombhodamo wezopolitiko oqhubekayo kunye noqhanqalazo oluthe gqolo kweli lizwe.
La mabanjwa aqhweshe kwintolongo yaseMaputo, logama abantu abangama33 bebhubhile kwaze abali15 bonzakala ngethuba bengquzulana noonogada basejele.
NgoLwesithathu, uMphathi Jikelele wamapolisa aseMozambique, uBernardino Rafael, uthe malunga ne150 kula mabanjwa aye aphinda abanjwa.
URafael uthe amazinga olwaphulomthetho eMozambique aza kunyuka kakhulu emva kokuqhwesha kwala mabanjwa.
“Silindele ukuba, kwiiyure ezingama40 okanye ezingama48 ezizayo emva kokuqhwesha kwamabanjwa angama1534, kuya kubakho ukwanda okumangalisayo kolwaphulomthetho eMaputo. Ukwanda kwazo zonke iintlobo zolwaphulomthetho kuba [amabanjwa aqhweshileyo] aziingcali kuzo zonke iintlobo zolwaphulomthetho,” utshilo ethetha noonondaba.
“Kuya kubakho ukwanda kokuphangwa, ukuhlaselwa, ukudlwengulwa kwamabhinqa, ukubiwa kweemoto, ukuphangwa kuxhotyiwe, kwanokuxhwilwa.”
Uqhanqalazo olunobundlongondlongo luqale lwaqhambuka kwizixeko ezohlukeneyo eziquka ikomkhulu iMaputo ukusukela ekupheleni kweyeDwarha, abaqhankqalazi bechasa iziphumo zolonyulo ezithe zagcina iFrelimo kulawulo eMozambique iminyaka engama49.
Njengoko uqhanqalazo lusiya luqina, ukusebenza kwemida eLebombo kuye kwanqunyanyiswa okwethutyana, kuthintelwa ukuhamba korhwebo phakathi koMzantsi Afrika neMozambique njengoko iiloli ezinkulu ezithwele izimbiwa zisiya kumazibuko eMozambique zisaxinge kwicala loMzantsi Afrika.
Kudliwanondlebe nejelo leendaba iNewzroom Afrika ngoSuku lweKrisimesi, uSodolophu waseQuelimane, isixeko sesihlanu ngobukhulu eMozambique, uManuel Lopes de Araújo, olilungu lombutho ophikisayo waseMozambique, iRenamo, ulumkise ngelithi ummandla woMbutho woPhuhliso lwaseMazantsi eAfrika (SADC) uza kuva uxinzelelo ukuba imeko yaseMozambique iya isiba mbi ngakumbi.
“Ukuba asinaluxolo eMozambique, into eza kwenzeka kuqoqosho loMzantsi Afrika iya kuba mbi kakhulu. Izibuko laseMaputo lelona zibuko libalulekileyo eMzantsi Afrika, lelona zibuko likufutshane neGoli. Izimbiwa ezivela kummandla waseGoli zithunyelwa kumazwe angaphandle ngezibuko laseMaputo,” utshilo.
“Ukuba izibuko laseMaputo livaliwe, ukuba umda uvaliwe, kuyafana naseZimbabwe, ukuba izibuko laseBeira livaliwe kwaye izibuko laseNacala livaliwe, uqoqosho lweSADC luya kuhla ngokwenene. IMozambique liqabane lesicwangciso elibaluleke kakhulu, ndinqwenela ukuba iSADC ithathe inyathelo kodwa ndivuya kakhulu ngokuma kukaMongameli Cyril Ramaphosa kunye noMphathiswa uRonald Lamola.”
UArajulo ulumkise ngelithi ingxaki yoluntu ayinakuphepheka eMozambique, kwaye oko kuya kukhokelela kwizigidi zabantu abaphelelwe lithemba ababalekela eMzantsi Afrika kwaye abasemagunyeni bolawulo lwemida abanakukwazi ukunqanda izihlwele.
“Yilonto bendisoloko ndixelela urhulumente woMzantsi Afrika, imibutho yoluntu namacandelo ezoqoqosho. Ingxaki eMozambique yingxaki kusuku olulandelayo eMzantsi Afrika. Ukubonile okwenzekayo xa kuvalwe umda waseRessano Garcia (iLebombo eMzantsi Afrika). Bekukho amawaka-waka eeloli ezime ngxi endleleni, ngoko ke uqoqosho loMzantsi Afrika lwachaphazeleka kodwa oko akuyonto ukuba imeko iya isiba maxongo. Abantu baya kuwela ngobuninzi babo.
“Jonga, asinawo umda ngokoqobo, abantu banokuwela nje la mgca phaya. Ndiyayazi ukuba uMzantsi Afrika uzame ukubeka udonga kunye nokunye, kodwa oko kuya kutshatyalaliswa kwimizuzu xa abantu befuna ngokwenene ukuhamba. Khumbula okwenzekayo xa kwakukho ingxaki eZimbabwe. Abantu babalekela eMzantsi Afrika kwaye ukuza kuthi ga ngoku, abemi baseZimbabwe baselapha eMzantsi Afrika,” utshilo uArajulo.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
UJose Riveiro ulindele umlo wendebe yeBetway Premiership onzima