Amapolisa akhangela intwazana elahlekileyo

Intwazana elahlekileyo uTsireletso Moletsane. Umfanekiso: SAPS

Amapolisa aseSterkspruit kunye necandelo elijongene nobundlobongela bosapho, ukhuseleko lwabantwana kunye nolwaphulo-mthetho ngokwesondo (FCS) eAliwal North acela uncedo kuluntu ekufumaneni intwazana eneminyaka elishumi elinambini (12) ubudala eyalahleka ngomhla we15 kweyeThupha 2024.

Kutyholwa ukuba uTsireletso Moletsane uye waya ecaweni kwingingqi yaseLepotha kodwa akazange aphinde agoduke. Wachazwa njengolahlekileyo ngomhla wama24 kweyeThupha 2024 lusapho lwakhe.

Ngexesha lokunyamalala kwakhe, wayenxibe ijini ebhlowu, iskipa okanye itop emaroon nabomvu kunye neetekki zeNike ezibhlowu.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ekufumaneni uTsireletso Moletsane ukuba atsalele umcuphi weFCS, uDetective Constable Vathiswa Rapuleng ku-071 609 4113 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufuphi kubo. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.