Ititshalakazi yesikolo iNyibiba Primary eUgie ewolise iintsana umgabho wayo, isanqunqanyisiwe liSebe lezeMfundo njengoko lidize ukuba lisaqhuba uphando lwangaphakathi.
Isithethi sezeMfundo eMpuma Koloni uMali Mtima, uthi iNtsumpa yeSebe uMahlubandile Qwase, ikhuphe isigunyaziso kwisiThili iJoe Gqabi ekubeni lo titshalakazi, anqunyanyiswe ngokukhawuleza ngoku kusaqhutywa nophando.
“Siyasikhalimela esi senzo siliSebe. Esi sihelegu simasikizi kwaye asamkelekanga ngakumbi kumntu ongutitshala nokwangumzali. Abantwana bona baza kunikwa ululeko lwasengqondweni,“ utshilo uMtima.
Ngokwengxelo, oku kwenzeke kwiveki ephelileyo ngaphakathi esikolweni ngethuba le titshalakazi igabha phambi koonomngqushwana bakaGrade 2, nabaphakathi kweminyaka esixhenxe nesibhozo bezelwe.
Owombutho othe gqolo ukulwela amalungelo abantwana namanina uPetros Majola weKhula Community Development Project, notyelele kwesi sikolo uthi lona uhlolo lwengqondo luyadingeka eluntwini kuba le yenziwe ngulo titshalakazi imasikizi.
UMajola uthi uchiphize iinyembezi xa ebebaliselwa lelinye lamaxhoba elina8 okwenzekileyo kubo.
“Bathi abantwana utitshala wabo uqale ngokutya umgubo okuthwa nguphuzamandla, ethubeni wagaba wabayalela ukuba bathathe imophu bacoce phantsi besosula loo mgabho wakhe,” itshilo inkcaza kaMajola.
UMajola uthi balimele abantwana ngesi senzo. Amaxhoba awoliswe umgabho mabini.
UQwase ukwamemelele ukuba ootitshala babengabazali ebantwaneni bakhusele nesidima sabantwana.
Kwakwesi siThili sinye seJoe Gqabi, ngo2021 inqununu yesikolo iLuthuthu Primary uLubeko Mandela (49) eUgie, wayalela umfundi kaGrade 4 ekubeni angene ngaphakathi kwindlu yangasese akhangele ifowuni yakhe. Umfundi waphuma erhiphirhiphi enjalo lilindle ezama ukukhupha ifowuni yeNqununu eyayiwele elindleni.
iMagesi FC ziintshatsheli ezintsha zeCarling Knockout Cup!!