Amalungu ecawe awayengafuni amagqwetha esithi oko akuhambisani nenkolo yawo agwetywe ubomi!

Abagwetyiweyo bebandla lakwaMancoba eNgcobo, uAndani Monco (36), Kwanele Ndlwana (28), Siphosomzi Tshefu (29) noPhumzile Mhlatywa (51). UMFANEKISO: NPA

Uzengezenge wetyala lamalungu enkonzo ebidume ngemikhwa eNgcobo, iSeven Angels Ministry, lide labe liyaqosheliswa njengoko amalungu amane (4) ebejongene namatyala bethe bagwetywa ngoLwesithathu kule veki.

Aba nababejongene netyala lokuhlasela kwanokubulala amaPolisa amahlanu (5) ngoFebruwari kunyaka ka2018, bagwetywe izihlandlo ezintlanu (5) zobomi ejele ngaphezulu kwabakho neminyaka. INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika nebicophe eMthatha – ibafumene benetyala lokubulala, ukuzama ukubulala, ukuphanga, ukubanemipu engenazimpepha kwanokudelela ingalo yomthetho.

Ingxelo ithi, amaPolisa amabini aphangwa kwaye kwahlaselwa ibhaki yawo ephangele kuR61 ngakwisikolo iNyanga High School. Badutyulwa babhubha kwathathwa nemipu leyo yawo ngaba barhanelwa. Emva koko, baya kwisikhululo saseNgcobo apho bafika badubula babulala amanye amaPolisa amabini kwakunye nowesithathu ongumabhalana (data typist).

Aba bagwetyiweyo nguAndani Monco (36), Kwanele Ndlwana (28), Siphosomzi Tshefu (29) kwakunye noPhumzile Mhlatywa (51).

AmaPolisa aphulukana nobomi babo emva kokuhlaselwa ngabagwetyiweyo ngo2018, nguWarrant Officer Zuko Mbini, 46; Constable Kuhle Mateta, 27; Constable Nkosiphendule Pongco, 32, Constable Sibongiseni Sandlana, 32, kwakunye noConstable Zuko Nelson Ntsheku, 38.

I-NPA ithi ukuze libenguzengezenge eli tyala lithabathe ixesha elide – kukuba abarhanelwa bebengafuni amagqwetha koko befuna ukuzimela ngokwabo.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali uthi, kweli tyala umceli mngeni ibikukuba esi sine sabarhanelwa besisithi sifuna ukuzithethela ngokwaso njengoko besisithi inkolo yebandla lawo, iSeven Angels Ministry nebelisaziwa ngokuba kukwaMancoba, ayibavumeli ukuba basebenzise amagqwetha ehlabathi.

UMkomishinala wamaPolisa kazwelonke, uGeneral Fannie Masemola usamkele esi sigwebo siwiswe phezu kwesi sine. UMasemola uthi ukudutyulwa kwamaPolisa esemsebenzini kwabonakalisa indelelo kwanokujongela phantsi ingalo yomthetho. Uvale ngelithi akusokuze kunyanyezelwe oku.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uncome uAdvocate Nomapa Mvandaba ngokunyamezela emva kwemingeni ebejongene nayo kweli tyala nade wabe uyaliqukumbela eli tyala nakuloo mingeni yabarhanelwa abebengafuni amagqwetha.

UMadolo usiqhwabele izandla esi sigwebo.