Ngenxa yokukhula komlo phakathi kweqela leM23 yabavukeli eDRC kwakunye neqela lomkhosi weli loMzantsi Afrika, kuqikelelwa ukuba amajoni alishumi elinesibhozo enzakele ngokumasikizi, ngelixa abalithoba kubo baphulukene nobomi babo.
Osisithethi semicimbi yomkhosi kwiDA, uChris Hattingh, uthi asikho isizathu sokuthunyelwa kwamajoni weli eDRC.
“Kuthiwa amajoni ethu angqongwe ngamajoni weM23 kumacala onke enkampini yawo eseGoma eDRC, ngaphezu koko umkhosi weM23 uncediswa ngumkhosi waseRwanda,” kucacisa uHattingh.
Kwiveki ephelileyo, uMphathiswa womkhosi kweli loMzantsi Afrika, uAngie Motshekga, uhambele amajoni weli eGoma ngeliya kuzibonela umonakalo.
“Akukho kwasizathu sokuba kuthunyelwe la majoni eDRC, amazwe akufutshane kwela lizwe awakhange athumele mikhosi kula mfazwe, awanazo nezixhobo la majoni abulawa phaya,” kutsho uHattingh. Kwiveki ephelileyo, uNjengele Bantu Holomisa onguSekela Mphathiswa womkhosi kweli umemelele ukongezwa kwemali yela Sebe.
“Amajoni ethu awanazixhobo zokulwa emoyeni, nezinto ezilula ezifana neengxowa zesanti, akukho machiza aneleyo okunyanga amajoni alimeleyo,” kutsho uHattingh.
Lo kaHattingh ukhala ngelithi uMotshekga ungene kwela lizwe washiya amajoni alimeleyo engawazamelanga ncedo.
“Ilizwe laseAngola nelizwe laseZambia ngawona achatshazelwa ngamandla ngulo mlo, kodwa awakhange athumele mikhosi yawo kwela lizwe, thina sikude eDRC kuthunyelwa abantwana babantu ukuba baye kubulawa,” kuthetha uHattingh.
Ngamajoni weli angamawaka amabini namakhulu alithoba athi athunyelwa kwela lizwe ukusukela oko kwathi kwaqala umlo phakathi kweM23 kwakunye noRhulumente waseDRC.
Libuyela ngeyoKwindla iPolisakazi laseMonti elijongene nezityholo zobusela!