Abarhanelwa abane abaphakathi kweminyaka engama24 nama53 babanjelwe ukuthengisa iziyobisi kwiSithili saseSarah Baartman. Bakwabhaqwe neziyobisi zohlobo lweMandrax kunye neTik ezixabisa iR27 800.
Oku kuza emva kwephulo lobuntlola elibe yimpumelelo nelikhokelele ekubanjweni kwaba barhanelwa bane ngokuthengisa iziyobisi kwaye amapolisa afumana iziyobisi ezingekho mthethweni (mandrax kunye netik).
Kutyholwa ukuba ngoLwesithathu umhla we11 kweyoMnga, iqela longenelelo kwiSithili saseSarah Baartman, iqela lezobuntlola kulwaphulomthetho eMkhanda kunye namalungu ajikeleza kuhola wendlela asebenzise iinkcukacha ezaziqokelelwe zaze zaphumeza ngempumelelo izigunyaziso zokugqogqa eHumansdorp naseJoubertina.
UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman, uMajor General Zolani Xavuka, uwaqhwabele izandla amalungu athe abandakanyeka ngomsebenzi omhle abawenzileyo.
“Imisebenzi eqhutywa bubuntlola iyaqhubeka iphumelela ekususeni iziyobisi ezingekho mthethweni ezitalatweni. Sifuna ukukhuthaza uluntu ukuba luze ngaphambili nolwazi esinokulusebenzisa kwaye sikhulule uluntu kwiziyobisi ezingekho mthethweni,” uvale ngalo mazwi uMajor General Xavuka.
Abarhanelwa baza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseHumansdorp ngezityholo zokuthengisa iziyobisi kungekudala.
UTinkler ugxeleshe ukubetha AmaZulu avale unyaka!