Kujikeleza ividiyo yepolisa ebelingaphangelanga libetha indoda kwisikhululo samapolisa eRustenburg nebiyokuvula ityala ngakuye. Abaphathi bamapolisa kwiphondo laseMntla Ntshona bakugxekile ukuziphatha kweli polisa.
Kwingxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseMntla Ntshona, uLieutenant Colonel Sam Tselanyane, uthi intsusa yingxabano eyenzeke kwindawo yokucheba kwenye yodederhu lweevenkile eRustenburg ngoMgqibelo we14 kweyoMnga 2024 phakathi kwepolisa, ixhoba elihlaselweyo nabanye abantu.
“Emva kwesi sehlo, elinye lamaxhoba liye kwisikhululo samapolisa ukuya kufaka isikhalazo. Iingxelo zithi eli polisa nalo lalandela laya kwisikhululo samapolisa apho lafika lafumana ummangali kwindawo yokupaka iimoto.
“Kutyholwa ukuba uye waleqa ummangali de wangena kwiyadi yesikhululo samapolisa wambetha. Amapolisa awayesemsebenzini angenelela ngokukhawuleza asinqanda esi sehlo,” utshilo uTselanyane.
Ixhoba liye lavula ityala lokubetha ngakwipolisa, nalo [ipolisa] eliye lavula ityala lokubetha ngakwixhoba.
Abaphathi bamapolisa ephondo bathi ukuziphatha kweli polisa akwamkelekanga kwaphela kwaye kubonakalisa ukungahloniphi ulawulo lomthetho ngumntu womthetho.
Kuqhutywa uphando ngalo mba.
UBongani Zungu ngumdlali omtsha waMaZulu!