Abarhanelwa ababini (24 & 28) bajongene nezityholo zokubulala nokuzama ukubulala emva kokubulawa kwabantwana abathathu (5, 11 & 12) kunye nendoda (30) kwakunye nokuzama ukubulala abantu abalithoba eKhayelitsha, eKapa ngoMgqibelo kule mpelaveki iphelileyo. Oku kulandela iinzame zabacuphi abayinxalenye yegqiza lamapolisa aseNtshona Koloni elijongene nolwaphulo-mthetho olunobundlobongela obumandla.
Isiganeko sokudubula senziwe ngaba barhanelwa kwindawo yokucheba iinwele ngenjikalanga yangoMgqibelo kwisitalato iQwarha eSite C, eKhayelitsha, ngokwengxelo yamapolisa.
“Abantwana abathathu abaneminyaka emihlanu, i11 kunye ne12 ubudala kunye nendoda eneminyaka engama30 ubudala basweleke ngenxa yokudutyulwa kwaye abanye abasixhenxe benzakala kakhulu. Abanye abantu ababini abazange bonzakale,” sitshilo isithethi samapolisa eNtshona Koloni uBrigadier Novela Potelwa.
Amapolisa athi njengokuba kuqhutywa uphando, kungenzeka ukuba abantu abaninzi babanjwe kwaye amatyala amaninzi alandelwe.
Ingxelo yamapolisa ithi kusaqhutywa uphando ngesinye isiganeko sokudutyulwa kwabantu abaninzi esenzeke eNyanga eKapa ngeCawe kwaye akukabanjwa mntu.
Aba barhanelwa babini bazakuvela kwinkundla kamantyi eKhayelitsha ngoLwesihlanu.
Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti