UMbalula uthe indibano yeANC NGC ayizukuba malunga nokushenxiswa kukaRamaphosa emva kwamarhe anwenwayo.
Image: X/ANC
UNobhala Jikelele weAfrican National Congress (ANC), uFikile Mbalula, uthe indibano yebhunga labo likazwelonke (NGC) ayizukuba malunga nokushenxiswa kukaMongameli Cyril Ramaphosa esikhundleni, kodwa iza kujongana ngqongqo nokuphunyezwa kweenjongo zayo ukusukela kwinkomfa yokugqibela.
Ebethetha noonondaba ecaleni emva kwendibano yabo yeNEC yosuku olunye eBoksburg, kwiphondo laseGauteng, ngoMvulo. Le ntlanganiso ibigqibezela amalungiselelo eNGC yesihlanu ezayo, neza kwenzeka ukususela ngomhla wesibhozo ukuya koweshumi elinesibini kweyoMnga 2025 kwiziko iBirchwood Conference Centre, eBoksburg.
Iintetho zikaNobhala Jikelele zilandela ezinye iingxelo zokuba iNGC ingajikwa ibe lukhuphiswano lobunkokeli, emva kwamarhe okuba kukho amalungu aphezulu eANC afuna ukukhupha uRamaphosa.
"Akukho ngquzulwano yobunkokeli kwiANC. Simanyene kwaye sihlaba ikhwelo kuwo onke amalungu eANC ukuba alandele ekhondweni kwaye amanyane," utshilo uMbalula ethetha noonondaba.
"Ezi ziingxelo ezityalwe ngabantu abangaphakathi nangaphandle abazimisele ukuchitha iANC," utshilo.
UMbalula uthe izinto zobumnyama azilali zisebenza nzima ukuchitha iANC.
"Njengamalungu eANC, kungoko kuhlatywa ikhwelo lokuba simanyane. Eli ayiloxesha lokuxoxa ngobunkokeli xa sijongene nengxaki ekhoyo njengombutho.
"Ujoliso lweANC ngalo mzuzu kukwakha ngokutsha nokuhlaziya futhi yenze iphulo lokuba sibuye ngamandla. Kuyo yonke le nto, yinto esigxile kuyo le," utshilo.