ICoega iphindile yafumana uphicotho lweencwadi olucocekileyo.
Image: Coega / Facebook
Iqumrhu lophuhliso iCoega liqinisekise indima yalo njengenkokeli kushishino kunye nohlumo loqoqosho kwintlanganiso iAnnual General Meeting ka2025 (AGM) kutshanje, ibhengeza uphicotho lweencwadi lwesithandathu olungenaziphene kunye nokuqhuba ngamandla kwicala lezemali.
Oku kuza emva kokuba iCoega, kunyaka-mali ka2024/25, izuze ukukhula kwengeniso nge13%.
Oku kwenzeke nangona imeko yezoqoqosho ibingumcelimngeni, nekugxininisa ukuzibophelela kwayo iCoega kulawulo olululo, elubala, kunye nokuqhuba ngendlela eqeqeshekileyo, ngokutsho kwesithethi seCoega, uAndile April, kwingxelo.
Ethetha ngako oku, uSihlalo weBhodi yeCoega, uGqirha Luvuyo Bono, uthe: "Ukomelela kwethu kubonisa ulawulo olulumkileyo kunye neendlela zokuphendulela eziye zakhokelela kuphicotho lweencwadi olucocekileyo."
Kuthiwa uMmandla wezoQoqosho oKhethekileyo weCoega (SEZ) uyaqhubeka nokuba nefuthe elibonakalayo, ugalela i1.01% kuqoqosho lommandla weMpuma Koloni (GGP) kwaye itsale abatyalimali abangamashumi amathandathu anesixhenxe (67) notyalomali oluqokelelweyo olungaphezu kweebhiliyoni ezilishumi elinesibini zeerandi (R12.4 billion).
"Izibophelelo zabatyali zimali abatsha ziyavela, kwaye iiprojekthi ezingundoqo ezifana neCoega 100MW Solar Farm zibonisa ukuzibophelela kwethu kumashishini ahlukeneyo," utshilo uMphathi weCoega, uThemba Koza.
Le ngxelo iqhuba ithi iSEZ idale imisebenzi engaphezu kwamawaka alishumi elinanye (11 000), ibeka phambili ezasekuhlaleni okanye ekhaya, oosomashishini abantsundu, ulutsha, namashishini aphethwe ngabasetyhini. Ngaphaya kophuhliso lwezoshishino, iiprojekthi zeziseko zophuhliso zeCoega ziphuhlisa izikolo, iikliniki, kwaye zidala neenkqubo zezakhono kwilizwe lonke, itsho ingxelo.
Ethetha ngekamva, uKoza uthe iCoega iceba ukukhawulezisa utyalomali lwayo, izibeke njengenkokeli yelizwekazi laseAfrika kuphuhliso lwezoshishino noqoqosho, logama isenza inguqu enzulu ngokuthenga iimpahla neenkonzo ngendlela equkayo kunye nophuhliso lwezakhono.
Ngaphaya koko, iCoega ivakalise umbulelo kwiSebe loPhuhliso loQoqosho, iMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho eMpuma Koloni (DEDEAT) kunye nabo bonke abachaphazelekayo ngenkxaso yabo eqhubekekayo.