Iindaba

Amapolisa aseGonubie acela uncedo ekufaniseni umzimba wendoda eyabhubha kunyaka ophelileyo

Cwayita Nondula|Published

Indoda engasekhoyo engaziwayo ukuba ngubani.

Image: SAPS

Amapolisa aseGonubie eMonti asafuna uncedo loluntu ukuze kufaniswe indoda engaziwayo ebhubhileyo nomzimba wayo owafunyanwa kwindawo yaseGonubie ngomhla wesibhozo kweyoMdumba ka2024.

Nabani na onolwazi olunokunceda amapolisa ekufaniseni umfi uyacelwa ukuba aqhagamshelane negosa eliphanda eli tyala uWO Du Plessis ku018 787 9315 okanye atsalele umnxeba iCrime Stop ku08600 10111.

Kungenjalo ulwazi lunokwabelwana ngalo kwiMySAPS App.