Iindaba

UCapa uhlaba ikhwelo ebantwini ukuba bavavanyele intsholongwane kagawulayo

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, esenza intetho yakhe ephambili kumsitho woSuku lweHlabathi lukaGawulayo obuseGqeberha ngoMvulo.

Image: ECDoH

UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, umemelele wonke umntu ukuba aqinise idabi lokulwa intsholongwane kagawulayo (HIV/AIDS) ngokuthi azivavanye kwaye kwabo banaso esi sifo batye iipilisi zabo.

UCapa ukuthethe oku eGqeberha namhlanje ngethuba iphondo leMpuma Koloni libhiyozela uSuku lweHlabathi lukaGawulayo eLillian Ngoyi Community Sports Centre, kwaZakhele, phantsi komxholo othi: "Iinzame ezihlaziyiweyo kunye nezibophelelo ezizinzileyo zokuphelisa ugawulayo."

Abanye bebezimase lo msitho nguSodolophu weNelson Mandela Bay, uBabalwa Lobishe, noMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko kweli phondo leMpuma Koloni, uSibulele Ngongo.

UMphathiswa uCapa uthe abantu bosulelekile okanye bachatshazelwa yile ntsholongwane. "Yiyo le nto kufuneka simanyane kwiinzame zethu zokulwa intsholongwane kagawulayo," utshilo.

ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni liphinde laqinisekisa ukuzinikela kwalo ekwenzeni iinkonzo zempilo zifikeleleke ebantwini.

NgokweSebe, amasebe karhulumente amaninzi ebekho ehlola impilo, amanye enika uncedo lweSebe lezeKhaya, iinkonzo zemfundo, nokunye.

UCapa uyivumile inkqubela esele yenziwe ekwehliseni ulosuleleko olutsha lwentsholongwane kagawulayo, ukwavakalise inkxalabo kukukhula kwenani labantu abangazityi iipilisi eNelson Mandela Bay. "Sikunye, singenza iNelson Mandela Bay esempilweni nekhuselekileyo kwaye, ukongezelela, iPhondo leMpuma Koloni elisempilweni," utshilo.

Abantu abebezimase umsitho woSuku lweHlabathi lukaGawulayo eGqeberha.

Image: ECDoH

UMzantsi Afrika ulungiselela ukuqaliswa kwenaliti yePrEP ebizwa ngokuba yiLenacapavir ethathwa kabini ngonyaka. Le naliti kuthiwa yehlisa umngcipheko wokosulelwa yintsholongwane kagawulayo ngaphezulu kwe99.9%, nto leyo eyenza ukuba isebenze ngokufana nesitofu sokugonya esinamandla.

Kuthiwa ulutsha oluneminyaka ephakathi kwe15 kunye ne24 ubudala lusemngciphekweni omkhulu wokosuleleka ngenxa yoxinzelelo lwentlalo futhi ukungabikho kolwazi kunegalelo koku.

Umhla wokuqala kweyoMnga waziwa njengoSuku lweHlabathi lukaGawulayo. Ngokwenkqubo yeZizwe eziManyeneyo ejongene neHIV/AIDS (UNAIDS), bekukho abantu abangaphezulu kwesigidi (1.3 million) abosulelwe yintsholongwane kagawulayo kwihlabathi jikelele, ngelixa awona manani mva nje, ebonisa ukuba phakathi kuka2023 kunye no2024, bekukho abantu abayi178 000 abosulelwe yintsholongwane eMzantsi Afrika.

Esenza intetho ngolu suku eLimpopo namhlanje, uSekela Mongameli uPaul Mashatile uchaze iLenacapavir njengento engeyonkqubela phambili kwezenzululwazi kuphela, kodwa "into eluphawu lwento enokwenzeka xa inzululwazi, intando yezopolitiko, kunye neemfuno zoluntu zidibana etafileni enye."

Uthe le naliti iyathembisa kakhulu kwabasetyhini namantombazana awasoloko engakwazi ukuthethela ukusetyenziswa kwekhondom.

"Ixhobisa amantombazana azibandakanya kubudlelwane obuphawulwe ngokungalingani kwamandla. Ibonelela ngokhuseleko kubantu abajongene nokubekwa ibala nocalucalulo. Inika inkxaso kubasebenzi nabafundi abasokolayo ngumthwalo wokubambelela kunyango lweepilisi lwemihla ngemihla," utshilo uMashatile.