Iindaba

Bafundiswe ngendlela yokuqaphela amagqwetha angaqondakaliyo KwaNobuhle

Cwayita Nondula|Published

Abahlali kwiholo yoluntu iSizakele Konzi KwaNobuhle bemamele ulwazi abaluxelelwayo.

Image: Uthunyelwe

Abahlali baKwaNobuhle eKariega bafundiswe kutshanje ngamalungelo abo nangendlela yokuthatha amanyathelo okuxela amagqwetha anganyanisekanga yiLegal Practitioners Fidelity Fund (LPFF).

Oku kwenzeke ngempelaveki edlulileyo, ngoMgqibelo, umhla wama25 kweyeDwarha 2025, kwiholo yoluntu iSizakele Konzi KwaNobuhle.

Abahlali bebekule ndibano befunda banzi ngendlela iLLPFF elukhusela ngayo uluntu ekubiweni kwemali okanye impahla ngamagqwetha anganyanisekanga. Ingxoxo ebigxile kwindlela yokuchonga ukuziphatha kakubi, indlela yokuxela amagqwetha anganyanisekanga, kunye nendlela yokufaka ibango lembuyekezo ngeLLPFF.

USimthandile Myemane oyiPractitioner Support Manager kwaLPFF uthe ukwakha ngokutsha intembeko yoluntu kuqala ngeencoko ezinyanisekileyo. "Ngokuthethathethana noluntu ngokuthe ngqo, sixhobisa abemi boMzantsi Afrika ukuba bawaqonde amalungelo abo kunye nokuqinisekisa ukuba iingcali zomthetho ziphendula ngezenzo zazo."

Iingxelo zithi ukusukela ngo2018, ngamagqwetha angama57 agxothiweyo ngenxa yokungaziphathi kakuhle, amanye abe phakathi kweR1.5 million neR5 million kubantu ebebebanceda.

"Ezi zenzo zonakalisa ukholo kwinkqubo yezomthetho, nengumceli mngeni iLPFF ijongene ngqo nawo ngokuthatha izinto elubala kunye nemfundo ebantwini," itshilo iLPFF ethi eli phulo lifike ngexesha elibalulekileyo.

Eli nyathelo liphunyezwa ngentsebenziswano neLegal Practitioners Council (LPC) kunye neLegal Indemnity Insurance Fund (LIIF), kwaye liqinisa iinzame zokuqinisekisa uxanduva lokuphendula kwabezomthetho.

Iphulo ebeliKwaNobuhle liyinxalenye yeenzame eziqhubekayo zeLPFF zokwakha uluntu olunolwazi, noluxhotyisiweyo ngokusemthethweni, ngaloo ndlela iqinisekisa ukuba wonke umntu uyawaqonda amalungelo akhe, nokuba angakwazi ukubona xa amagqwetha eziphethe ngendlela engeyiyo kwaye ayazi nendlela yokufikelela emthethweni.