Iqalile iKomishoni kaMadlanga ekudala ilindelwe
Image: Mthetheleli Mazwai
IKomishoni kaMadlanga yophando malunga nolwaphulomthetho, ukungenelela kwezopolitiko kunye norhwapilizo emapoliseni iqalile ngale ntsasa eBrigitte Mabandla Justice College kumbindini wedolopu iPitoli.
Ijaji edla umhlala phantsi uMbuyiseli Madlanga ngusihlalo wale Komishoni ilindelwe ngabomvu. Le Komishoni, ebibhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa bekufanele ukuba iqale ngomhla wokuqala kwinyanga yoMsintsi, kodwa oko akuzange kwenzeke ngenxa yamagingxigingxi adibene nokuthengwa kobuxhakaxhaka nezinye izixhobo eziza kusetyenziswa yile Komishoni.
Le Komishini ibhengezwe nguRamaphosa kulandela izityholo zokuphazamisana nomsebenzi wamapolisa nguMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu, kwindibano noonondaba ebibizwe nguMkhwanazi kwinyanga yeKhala kulo nyaka.
Abaphathi ababini banqunyanyiswa ngoko nangoko nguMphathiswa wezoBulungisa, uNksz Mmamoloko Kubayi. UDoc Mashabane kunye noSekela Mlawuli ojongene nobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano (ICT) uJabu Hlatshwayo banqunyanyisiwe kusalindwe uphando kunye nenkqubo yoluleko.
UMkomishinala wamaPolisa eKZN uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi kwiKomishoni kaMadlanga ePitoli.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
UMkomishinala wamaPolisa ephondo laKwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi ubizwe ukuba aze kukunika ubungqina kuqala.
OkaMkhwanazi nguye owabiza indibano noonondaba ngomhla wesithandathu kweyeKhala 2025 nalapho adize ubudlelwane obungekho mthethweni phakathi kwamapolisa, oonqevu kunye norhwaphilizo kwiinkundla zamatyala kweli.
URamaphosa wabeka uFiroz Cachalia ukuba abenguMphathiswa wamaPolisa wethutyana kusalindwe iziphumo zeKomishoni.
Inkokheli yobungqina uAdv Terry Motau SC uthe: "Siza kuphanda kwaye siphonononge izityholo ezibhengezwe nguMkhwanazi kula ndibano noonondaba. Siza kuqalala ngophando ukusukela ngomhla wama25 kweyeKhala ka2018 apho iPolitical Killings Task Team KwaZulu-Natal iqale khona ukusebenza kude kube ngoku."
Imihla ebalulekileyo ekuza kuthetha ngayo iquka: KweyeSilimela ka2019, apho iPolitical Killings Task Team yaqala khona ukusebenza ngokusesikweni, ukuchithwa kwayo nguMchunu ngomhla wama31 kweyoMnga ka2024. Ukunqunyanyiswa kukaMchunu kwinyanga yeKhala kulo nyaka nokutyunjwa kweKomishoni nguMongameli. Ezinye iintsuku ezibalulekileyo kukubanjwa kukaKatiso 'KT' Molefe, noVusumizi 'Cat' Matlala besoyanyaniswa nezityolo zokubulala.
IKomishoni kulindeleke ukuba ikhuphe ingxelo yethutyana kwisithuba seenyanga ezintathu.
Iqela likaJaji Mbuyiseni Mabandla limi ngoluhlobo: Iinkokheli zobungqina nguAdv Terry Motau SC noAdv Matthew Chaskalson SC, umpandi oyintloko nguGqirha Peter Gous, isithethi nguJeremy Michaels, kwaye unobhala weKomishoni nguGqirha Nolitha Vukuza.