Utata uMduzulwana nonguMvangeli kwibandla lamaWisile nekuse exhaxhwe ngumntu ongaziwayo kwakhe.
Image: Khulu Community Development
Uyangcwatywa ngoLwesine kule veki uJuba Nkundla Mduzulwana obengumvangeli kwibandla lamaWisile eNgqushwa.
Utata (75) wakuFeni eNgqushwa ubhaqwe emva kweentsuku egumbini lakhe sele ebhubhile ebhaqwa ngumninawa wakhe uNkosayiphathwa namanye amalungu osapho emva kokuba engakhange atyelele kumakhaya adla ngokutyelela kuwo ayokunceda izigulana.
Utat' uNkosayiphathwa nongumninawa wexhoba uthi ekungeneni kwabo endlini bagagene naye ethe natya ebhedini yakhe ebomvu ligazi kwaye nebhedi ibomvu krwe ligazi amakhadi akhe ebhanki engekho kwaye nocango lungaqhekezwanga koko utixiwe.
Utata lo uchazwe njengomntu obethobekile enobubele kwaye engenangxaki namntu ekuhlaleni. Phambi kokuba ahlale phantsi, wayesebenza njengonesi kungoko nangoku ebethe gqolo ukumane evuka etyelela amakhaya abo bagulayo, encedisa ngokubatyisa, ukubahlamba kwanokubatyisa iipilisi zabo ngendlela.
"Wenze into engaqhelekanga eyokungafiki kwaba bantu aqhele ukubanceda kwaye nasefowunini yakhe akafumaneka nto leyo iye yasixhalabisa nangakumbi yasenza ukuba siphakame siyokukroba kwakhe.
"Kuyacaca ukuba ibe ziintsuku yenzekile le nto. Umatrasi namashiti sizitshisile ngenxa yevumba kwanobubomvu begazi, nesifike enawo namanxeba esabile ebunzi namanye amabini angasemva entloko," utshilo utat' uNkosayiphathwa.
Abamelwane bathi balahekelwe ngulo tata kuba indawo yakhe iyakubonakala. Kuthiwa utata ebengumntu wezinto ezintle, ekwangumntu oqhulayo, kwaye enyanisekile futhi engadlulwa ngumntu ngokuthanda ukupheka.
Ityala livuliwe kwaye amaPolisa aseMpuma Koloni athi aphanda ngetyala lokubulala nokuqhekeza. Okwangoku akukabanjwa mntu.