Iindaba

Intwazana yaseLibode ezakhela igama kushishino lwemibhobho ifumene iwonga!

Abongile Ginya|Published

Intwazana ezakhela igama kumsebenzi wokutywina imibhobho (Plumbing) uLiyabona Xishibana weBonaho Plumbers ufumene iwonga emela iMpuma Koloni.

Image: UTHUNYELWE

Imisebenzi enento edibene nezandla amaxesha amaninzi ibayimisebenzi yabantu abangamadoda, kodwa kweli ityeli uLiyabona Xishibana waseDininkosi, eLibode, ungomnye wabantu ababhinqileyo abangumzekelo nabazama kangangoko ukususa elo bala okwishishini lemibhobho.

UXishibana (27), nonenkampani eyeyakhe iBanaho Plumbers eMthatha, ungowokuqala eMpuma Koloni ukufumana iwonga leArtisan of Mzantsi kumawonga abizwa ngokuba yiSouth African National Artisan Awards ebeseBoksburg kwiveki ephelileyo ebeququzelelwa yiAllan & Gill Gray Philanthropies, nalapho bekuvuyiswana kukwakhuthazwa oosomashishini bakwiikholeji zaseMzantsi Afrika.

"Ndiziva ndonwabile kakhulu ukufumana le mbasa njengokuba ndiyintombazana ethe yakhetha ukwenza umsebenzi wezandla kwaye ndangumntu wokuqala ephondweni, loo nto ibeka iphondo lam kwizinga eliphezulu kwaye loo nto ikwanceda ukukhuthaza nabanye abanqwenela ukwenza izifundo zezandla kwaye baziqashe," utshilo uXishibana.

UXishibana uthi kulo umsebenzi akukhonto yogqitha ukuzimisela nokuzinikela nanjengoko oko kuzimisela kwakhe kuthe kwamvuza. Uthe: "Ukuzimisela kwam khange ibelilize, kodwa kundinike ithuba lokuba ndiphumelele.

Intwazana ezakhela igama kumsebenzi wokutywina imibhobho (Plumbing) uLiyabona Xishibana weBonaho Plumbers ufumene iwonga emela iMpuma Koloni.

Image: UTHUNYELWE

"Kweli candelo lemibhobho ambalwa amanina azivulele amashishini kwaye akululanga ukuqhuba ishishini elinje ungumntu ongusisi njengoko abantu bebanako ukungakholwa ukuba umsebenzi wezandla ndiyakwazi ukuwenza kwaye neempepha zokuba ngumtywini ndinazo ngokupheleleyo. IAllan & Gill Gray Philanthropies inikeze ishishini lam ithuba lesibini lokuba ndikwazi ukuzimela ndikwazi nokuvula amathuba emisebenzi."

Uqhube wathi umnqweno anawo ngowokuba urhulumente angancedisana noosomashishini abakhasayo khona ukuze nabo bakwazi ukukhula.

Nangona engusomashishini ozenzela igama noqhuba kakuhle, kodwa uthi ikhona yona imicelimngeni kwishishini lakhe efana nokungabinayo imoto, nto leyo athi imenzela ubomi nzima kuba akubilula ukufikelela kwiindawo ezikude kunendawo akuyo.

lBonaho Plumbers yenza imisebenzi eliqela, ukufakela amanzi ashushu (geyser) ukufakela iibhafu ngaphakathi endlini iphinde iziqalele kakutsha, ityiwine imibhobho egqabhukileyo, ifakele amanzi etanki iwafaka endlini. Yenza igiza ngokufanelekileyo ezipasisiweyo ngoko mthetho wePIRB (Plumbing Industry Registration Board).

Le nkampani isebenzela kuMasipala iBuffalo City kunye naseMthatha neziphaluka. Xa unesicelo ungambhalela ku-Bonahoplumbers@gmail.com.