Kukhangelwa ababulele inkondekazi (102) eBawa eGcuwa ngobusuku bangoLwesithathu kule veki.
Image: SAPS
AmaPolisa aseGcuwa aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa ababandakanyeka kwisehlo esenzeke ngobusuku bangoLwesithathu umhla wesibini kweyeKhala kwilali yaseBawa eGcuwa apho kuse kubhaqwe inkondekazi eneminyaka elikhulu elinambini (102) ubudala ibhubhile kwaye inawo namanxeba emzimbeni.
Ngokwengxelo ephuma kuLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ithi le nkondekazi ibilele kwelinye igumbi ngethuba kungenwa ngefesitile kwigumbi elo layo. Abecuphi bafike ngentsasa yangoLwesine sele kudala ibhubhile le nkondekazi inamanxeba kumzimba ongentla kwaye idlwengulwe.
AmaPolisa aphanda ngetyala lokudlwengula, ukubulala kwanokuqhekeza. Okwangoku akukabanjwa mntu.
UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni, uBukiwe Fanta, simothusile esi sehlo esithi sikothuse noluntu ngokubanzi nto leyo yenza inkxalabo ngokhuseleko lwabo. Oku kwehlileyo ukukhalimele kabukhali.
UFanta uthi abantu abadala abakula minyaka ixesha abakulo lelokuba bakhathalelwe, bakhathaleleke banikwe uthando, hayi ubundlobongela, uthi oku kwenzekileyo akwamkelekanga kwaphela. UFanta uhlaba ikhwelo kubahlali esithi malusebenzisane namaPolisa kangangoko ukuze kubanjwe abenzi bobubi.