Abantu abathe babhubha ngenxa yezikhukhula eMpuma Koloni baqabele ngaphaya kwekhulu kwaye inani linganyuka nangakumbi.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Iinzame zokukhangela nokuhlangula zisaqhuba nanjengoko inani labantu abathe babhubha ngenxa yezikhukhula ezenzeke ekuqaleni kwenyanga ephelileyo linyuke langaphaya kwekhulu (102). Isithili saseOR Tambo sesona sithwaxe kakhulu.
Ukuza kuthi ga ngoku, bangama78 abantu ababhubhileyo baseOR Tambo, kulandele ishumi laseAmathole, abahlanu ababhubhileyo ngabaseAlfred Nzo naseChris Hani, ababini ngabaseJoe Gqabi naseSarah Baartman.
Ngokwengxelo karhulumente wephondo, ithi imizimba engama96 kwi102 efunyenweyo ithe yafaniswa ze yanikezelwa kwiintsapho, logama imizimba emithandathu ingekafaniswa. Iqhuba ithi ngenxa yokuhamba kwexesha, uvavanyo lweDNA lungafuneka ukuze kufaniswe imizimba ngokufanelekileyo nefunyenwe sele imoshakele kwaye oko kuthetha ukuba kungathatha ixesha elide ukufanisa umntu oswelekileyo.
Kwababhubhileyo ngabafundi abangama32, abangama49 ngamadoda ngelixa abangama53 bengabasetyhini, kwaye abangama63 ngabantu abadala kunye nabantwana abangama39.
Ukuza kuthi ga ngoku, angama56 amaxhoba ezikhukhula angcwatyiweyo kwiphondo liphela.
"Amaqela okukhangela nokuhlangula ayaqhubeka nokukhangela, esebenza ngokuzimisela ekufumaneni nayiphi na imizimba eseleyo. Iinqwelontaka zeeNkonzo zamaPolisa aseMzantsi Afrika (SAPS) kunye neeNkonzo zoNyango oluNgxamisekileyo (EMS) ziye zasasazwa ukuxhasa iinzame eziqhubekayo zokukhangela nokuhlangula, kwaye le nkxaso ilungelelanisiweyo yasemoyeni ijolise ekuqiniseni ukukhangela amaxhoba amaninzi anokubakho kuquka nabantwana ababini abangekafumaneki," itsho ingxelo.
Amaxhoba ezikhukhula anikwe izinto ezifana nokutya, iimpahla, iingubo, oomatrasi kwaye abo baphulukene nemizi yabo bahlala kumaziko oluntu. Uloluleko ngokwasengqondweni lunikezelwe iintsapho ezizilayo nezikolo. Abo baphulukene nezatifiketi zabo zokuzalwa kunye nezazisi bayancediswa ukuze bazenze ngokutsha.