Iindaba

Akhululwe ngebheyile yeR50,000 abatyholwa ngorhaphilizo kwaTransnet!

Pedro Mapelo|Published

Amadoda amane awayesebenzela uTransnet akhululwe ngebheyile kwityala lobuqhopholo ebelichotshelwe eGauteng ngoMvulo.

Image: Facebook

Amadoda amane awayefudula engabaphathi bakwaTransnet akhululwe ngebheyile yamashumi amahlanu amawaka eerandi (R50 000) umntu emnye. Oku kwenzeke emva kokuba uBrian Molefe, uSiyabonga Gama, Anoj Singh noThamsanqa Jiyane bebekhwele emkhumbini izolo (ngoMvulo) ePalm Ridge Magistrate Court.

La madoda omane azise emapoliseni ngokwawo izolo ekuseni phambi kokuqala kwetyala elingobuqhophololo obenzeka ngethuba esebenzela uTransnet kwiminyaka edlulileyo. Ityala limayelana nesivumelwano sokuthengwa koololiwe (nguTransnet) abangaphaya kwewaka ngemali eziibhiliyoni ezingaphezulu kwamashumi amahlanu zeerandi (R54 billion).

Umsebenzi wokwakha okanye wokuza noololiwe wanikwa inkampani ekuthiwa yiTrillian Capital eyayisebenzisana nabantu bakwaGupta abawunikela umva uMzantsi Afrika betyholwa ngokufumana imali kwiinkampani zikaRhulumente ngeendlela ezingekho semthethweni.

Ingxelo ithi umsebenzi wanikwa iTrillian Capital ngendlela engafanelekanga. Ngaphezulu koko, kukho imali engamashumi alithoba anesithathu amawaka ezigidi zeerandi (R93 million) eyanikwa iTrillian Capital ngendlela engacacanga.

Ekuqaleni, ithenda yoololiwe yayixabisa imali engamashumi amathathu anesibhozo eebhiliyoni zeerandi (R38 billion) ngo2013 – kodwa yanyuka yayokutsho kwiR54.4 billion ngendlela engacacanga. UTransnet yeyona nkampani eyalahlekelwa yimali eninzi ngokutsho kwekomishini eyayiphonononga ukubanjwa kukaRhulumente ngobhongwana.

Yiyo eyathi makuphandwe uMolefe, uGama noSingh ukuze bacacise ukuba kwenzeka ntoni kwimali yakwaTransnet. Konke oku kwenzeka ngethuba kwakuphethe uMnu. Jacob Zuma kwilizwe loMzantsi Afrika. Ngoku uGama noMolefe ngamalungu wePalamente abamele kuyo uMkhonto Wesizwe Party okhokelwa nguZuma.

Isithethi seMKP, uNhlamulo Ndhlela, silichaze ityala lamalungu wombutho wakhe njengeqhinga lokuphatha kakubi abantu ababesebenzela uTransnet. Uthe uMkhonto Wesizwe uza kuphikisana nenkqubo engenabo ubulungisa.

"Amalungu wethu ayohlwaywa xa ebhentsisa ukungahambi kakuhle kwezinto kwaRhulumente. Sifuna inkqubo yobulungisa engenamkhethe kubo bonke abantu," utshilo uNdhlela. Baza kubuyela enkundleni ngomhla wesithandathu kwinyanga yeDwarha ku2025.