Inkampani yamatayala, uGoodyear, yazise abasebenzi bayo ukuba iza kuvala kulo nyaka.
Image: Facebook
Umbutho wabasebenzi, iNational Union of Metalworkers of South Africa (Numsa), ishiyeke idanile emva kokuvakala kwengxelo ethi inkampani yamatayala iza kuvalwa eKariega. Oku kuvakele kwiveki ephelileyo emva kokuba abaphathi bakaGoodyear bexelele abasebenzi ngokuvalwa kwefemu kulo nyaka.
Ezi ndaba zifika ngexesha elibi iphondo leMpuma Koloni lisokola kakhulu kwicala lokudala amathuba amatsha emisebenzi. Kwiminyaka egqithileyo, uContinental Tyre SA wabadiliza abasebenzi ngenxa yokuncipha kwengeniso.
Ngabasebenzi abangamakhulu alithoba anesixhenxe (907) abaza kulahlekelwa yimisebenzi ebixhasa amakhaya eKariega ekummandla weNelson Mandela Bay Metro. Ukuvalwa kukaGoodyear kuyishiya iKariega isecicini lokulahlekelwa sisidima ebikade inaso njengenye yeendawo zoshishino eziphambili eMzantsi Afrika.
Kuthiwa nguPaul Gerrard, oyingqonyela kaGoodyear oneminyaka eyi78 evelisa amatayala eKariega, ophalaze iindaba ezimbi kubasebenzi abaza kulahlekelwa yimivuzo yabo ngexesha lokuqhwalela koqoqosho eMzantsi Afrika.
INumsa ithe izimisele ukulwela abasebenzi. "Sikulungele ukulwela abasebenzi abangamalungu wethu. Siza kwenza oko ngokuzama ukufumana imigodlo yokuphela kwemisebenzi ebhetele," itshilo ingxelo ebhaliweyo ekhutshwe yiNumsa kutshanje.
Eminyakeni emininzi edlulileyo, idolophi yaseKariega ibisoloko ixhathise ngeenkampani ezimbini kwicala lemisebenzi, uGoodyear SA noContinental Tyre SA. Zombini zizichithile iintente ngenxa yokungena eMzantsi Afrika kweemveliso ezitshiphu ezisuka kwamanye amazwe. Yeyona nto ebonwe njengengxaki ephambili eqhokre ukuphila kweenkampani zamatayala.