Iindaba

Iinyathi zenze kakhulu kwiR2.2 million efunyenwe yiECPTA efandesini!

Pedro Mapelo|Published

Inyathi yinyamakazi yexabiso eMzantsi Afrika.

Image: Facebook

Inyathi yinyamakazi ebalulekileyo kwindalo nakukhenketho eMzantsi Afrika. Oku kuye kwathi tha ngakumbi kuthengiso lweenyamakazi obelubanjelwe eMphekweni Resort emini ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Kanye ngonyaka, iEastern Cape Parks & Tourism (ECPTA), ithi iququzelele ukuthengiswa nokuthengwa kweenyamakazi eziphuma kwiifama (Nature Game Reserves) eziseMpuma Koloni. Iinyamakazi ezingaphaya kwamakhulu amabini eziquka iMbabala, iMpunzi, iZebra, iNyathi nezinye bezifakwe efandesini kwiveki ephelileyo.

Ifama nganye inenani leenyamakazi ekungafuneki ilidlule ukuze zikwazi ukuphila (izilwanyana) ngokwendlela umthetho wezilwanyana zasendle omiselwe ngayo. Umfama onenani eliphezulu uye anyanzeleke ukuba aphungule ngokuthengisa efandesini evuleleke kubo bonke abantu eMzantsi Afrika nabakwamanye amazwe.

Kwintengiso egqithileyo, kuye kwagqama iinyathi. Zezona ezenze ingeniso encumisayo kwizigidi ezibini zeerandi (R2 million) ezifunyanwe yiECPTA kwintengiso ebiseNgqushwa. Inyathi ethengwe ngemali encinci ixabise amakhulu amahlanu amawaka erandi (R50 000) kuphela, kanti exabise kakhulu ibuye nemali engaphezulu kwekhulu lamawaka erandi (R110 000).

Kwiinkunzi zeenyathi ezithengisiweyo, ezineempondo ezinde zezona ezingenise imali eninzi. UMnu. Vuyani Dayimani uyincomile intengiso yalo unyaka ngoba ibibhetele kweyonyaka ophelileyo engenise imali engaphantsi kwezigidi ezibini. Kwimali eyiR2.2 million eyenziweyo kulo nyaka, iR58 062 50 ingene engxoweni eza kufundisa abantwana beendawo ezineefama zeenyamkazi.

"Kubekho ukuphucuka kwengeniso kwintengiso yezilwanyana xa sithelekisa nonyaka ophelileyo. Iyasivuyisa kakhulu lo nto," utshilo uMnu. Dayimani okhokele iECPTA. "Kwiinyamakazi ezithengiswe apha namhlanje, sibonile ukuba zezinkulu nezi ezizingelwayo ezithengwe kakhulu.

"Siyavuya xa kuphucuka imali engenayo ngoba siza kufumana iinkozwana ezibhetele zokulondoloza indalo. Enye into esivuyisayo kukuba siye sithathe isixa esiyi2.5% kwingeniso sisifake kwingxowa yemali ethi ifundise abantwana abathi babengoonozakuzaku bokulondolozwa kwendalo," utshilo uMnu. Dayimani.