Iindaba

UGade uhlab’ ikhwelo ngoHayi omkhulu kubafundi ngomba wePens Down

Tauriq Hassen|Published

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade etyityimbisela umnwe abazakuzibandakanya nemibhiyozo yePens Down. UMFANEKISO: DoE EC

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade etyityimbisela umnwe abazakuzibandakanya nemibhiyozo yePens Down. UMFANEKISO: DoE EC

UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uhlab’ ikhwelo kubazali nakubafundi ngomba wePens Down. Nanjengoko uninzi lwabafundi bakaGrade 12 sele bezigqibile iimviwo zabo zokuphela konyaka, abanye besalindele ukuba bagqibe kuMvulo weveki ezayo.

UMphathiswa ubongoze abazali ukuba zebabagade abantwana bangazibandakanyi nemibhiyozo yokugqiba ukubhala eyaziwa ngokuba yiPens Down kule mihla neyayisaziwa njengokuhlamb’ iphepha ngaphambili.

UGade ukwatyityimbisela iminwe abafundi abaceba ukubhiyoza esithi le mibhiyozo ikhokelela ekubhubheni kwabanye.

Iintetha zikaGade ziza emva kwamarhe okokuba kuzakuba mnyama iEastern Beach eMonti ngabafundi bebhiyoza kuba begqibe ukubhala, nanjengoko kunemibhalo endanda kumakhasi onxibelelwano yale mibhiyozo yePens Down.

UGade kuko konke oku akakulibalanga ukubulela inkxaso kubazali abayinikeze ebantwaneni ngethuba bechophele iimviwo zokuphela konyaka.

“Oku siyakugxeka asikukhuthazi kubafundi ingakumbi abo bakaGrade 12 njengoko le mibhiyozo ibenza bazibandakanye nokubi okufana nokusebenzisa iziyobisi, ukusela utywala ngokuqithiseleyo kwanokwabelana ngesondo ngaphandle kwekhondom. Kungoko sikugxeka kwaye sikukhalimela ukwenziwa kwale Pens Down,” utshilo uGade.

Kusenjalo uGade ubongoze oonozikroxo kwaneevenkile ezithengisa utywala ekubeni zisebenzisane nabasemagunyeni ukuqinisekisa ukuba abathengiselwa abangaphantsi kweminyaka eyi18.

EMpuma Koloni iziphumo zemibhiyozo yePens Down zaba nemiphumela emibi nebuhlungu ngo2022 emva kokuba kwaye kwabhubha abafundi abayi21 bekwindawo yentselo iEnyobeni eScenery Park eMonti.