UMzukisi Ndamase nosele edontsa isigwebo sobomi ejele (46) uvele kwinkundla kamantyi yaseLusikisiki namhlanje. UMFANEKISO: NPA
Umntu wesixhenxe obanjiweyo noyanyaniswa nesiganeko saseLusikisiki ngumbulali ogwetyiweyo nothothoza isigwebo sobomi.
UMzukisi Ndamase, 46, uvelile namhlanje kwiNkundla kaMantyi eLusikisiki kwaye kukholelwa ukuba nguye ungqondongqondo wesiganeko saseLusikisiki esisube imiphefumlo yabantu abalishumi elinesibhozo.
“Kungoku nje uNdamase uthothoza isigwebo sobomi ngenxa yokubulala nokuphanga. Uye wabanjwa kwiziko leeNkonzo zoLuleko,” sitshilo isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali.
Wongeza kuluhlu lwabatyholwa ekunye noSiphosoxolo Myekethe, 45, Aphiwe “AP” Ndende, 25, Lwando Antony Abi, 33, Bonga Hintsa, 31, Zenande Paya, 38, noMawethu Nomdlwembu, 36 – bonke abagqibe kwelokuba bangafaki isicelo sebheyile. Bonke bajongene namatyala alishumi elinesibhozo (18) okubulala nokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.
UPaya noNomdlwembu babanjwa eFlagstaff ngomhla we17 kweyeDwarha 2024 bephethe imipu emine neembumbulu ekutyholwa ukuba zafuduselwa kwezinye iindawo emva kokubulawa kwabantu eLusikisiki.
UNende noHintsa babanjwa ePort Shepstone, ukanti uAbi wabanjwa eMonti ngomhla we16 kweyeDwarha 2024. UMyekethe wabanjwa ngomhla we7 kweyeDwarha 2024 kwikhaya lakhe eMthide, kwingingqi yaseMamfengwini.
Ukubanjwa kwabo kulandela isiganeko sokudubula nokubulala ngokungenalusini abantu abalishumi elinesibhozo (18) kwaye benzakalise abanye abahlanu ngomhla wama28 kweyoMsintsi 2024.
Ityala ngakubo bonke abatyholwa lihlehliselwe umhla wama26 kweyeNkanga 2024 ukuze kuqhutyekwe nophando.