Iindaba

Usinde kwingozi yemoto uKumkani uMisuzulu

Siyabulela Mqikela|Published

Usinde kwingozi yemoto uKumkani uMisuzulu kaZwelithini.

Usinde kwingozi yemoto uKumkani uMisuzulu kaZwelithini.

UKumkani uMisuzulu kaZwelithini usinde kancinci kwingozi yemoto kuhola wendlela uR34 eFilidi kwela phondo laseKZN.

Inkulumbuso yesizwe sakwaZulu, uThulasizwe Buthelezi, uqinisekise ukuba ngenene usindile uKumkani uMisizulu kule ntlekele.

“Usindile uphilile, uphume enganawo nomkrwelo kwingozi leyo, sele ndithethile naye ukuqinisekisa ukuba ngenene uphilile,” kuqinisekise uButhelezi.

UButhelezi ukwaqinisekise isizwe wathi uKumkani uMisuzulu ukwimeko entle emva kwale ntlekele.

“Ndingasiqinisekisa isizwe sikaZulu ukuba umntwana ukhuselekile usempilweni – yonke into uyazenzela, oko kuthetha ukuba ukwimeko entle uKumkani,” kucacisa uButhelezi.

UMisuzulu kulindeleke ukuba namhlanje, umhla wamashumi amathathu, abeyinxalenye yokuvulwa kodederhu lweevenkile eFilidi.

“Ingxelo esiyifumeneyo ithi kukho imoto yohlobo leVW Polo ethe yagaxeleka kwiingqwelo ezihamba uKumkani uMisuzulu kaZewlithini,” kutsho uButhelezi.

UButhelezi uthi amapolisa azakuqhuba uphando lawo ukukhangela nzulu malunga nesi siganeko.

“Egameni likaNdlunkulu singaqinisekisa ukuba ngenene iKumkani yesizwe isempilweni, akukho sizathu sokuba uluntu luxhalabe ngempilo yeKumkani,” kutsho uButhelezi.