Iindaba

Isilumkiso kuluntu ngamapolisa omgunyathi!

Zenande Maqubela|Published

Icandelo leProvincial Serious and Violent Crimes lilumkisa uluntu ukuba luqaphele kwaye luzigade kwabo basebenzisa eli candelo kwizenzo zomgunyathi bezenza amapolisa, ngeenjongo sokubabiza imali bengacingelanga.

Ingxelo ekhutshwe ngamapolisa ithi, eli candelo litsalelwe umnxeba ngabantu abatyhola ngelithi ‘ipolisa’, eliphuma kweli candelo libatsalele umnxeba labazisa ukuba izihlobo zabo ngabarhanelwa kwityalwa lokubulawa kwabantu abaninzi, nebaliphandayo beleli candelo.

Ingxelo iqhuba ithi, lo utsale umnxeba nozenza ipolisa ubeye afune imali ukuze anyamalalise eli tyala, okanye acele amaxhoba lawo ukuba athumele imali yebheyile. Ukanti ngamanye amaxesha, eli polisa lomgunyathi litsala umnxeba beliye lithumele umfanekiso wepolisa, elingenalwazi ngesi sicelo, nalapho lizenza lona.

Amaxhoba ekujoliswe kuwo ngabantu abamsulwa (abanye zizihlobo zabarhanelwa abafunwayo/ababanjiweyo) abangabamangali okanye abarhanelwa kuwo nawaphi na amatyala aphandwa leli candelo.

Amapolisa alumkisa uluntu ukuba akukho nqanaba apho kuya kucelwa imali kulo naliphi na igosa lamapolisa kwaye oko kubandakanya namagosa aphanda amatyala aphantsi kophando.

Eli candelo liqhuba lithi, ukuba nabani na ufumana umnxeba onjalo, nxibelelana neyunithi okanye isikhululo esifanelekileyo phambi kokuba uphakuzele kwaye unikezele kwisicelo eso usifumanayo.

Amapolisa ayayigxininisa into yokuba uluntu lohlukane nokwamkela iinombolo zocingo eluzinikwa ngulowo utsala umnxeba, ngelithi ubuyele kuloo nombolo.