Amapolisa aseBetheldorp akhangela abarhanelwa abane, emva kokubulawa kwamadoda amathathu kwindlu ethile ngoMvulo wale veki, eArcadia, eBethelsdorp.
Ngokwengxelo yamapolisa, oku kulandela emva kokuba amadoda amane angaziwayo ethe akhaba ucango lwangaphambili kwindlu ekwisitalato iHickory, eArcadia, ezinzulwini zobusuku, ze angena ngaphakathi.
Aba barhanelwa, badubule indoda eneminyaka angamashumi amahlanu anesixhenxe (57), entloko izihlandlo ezininzi, nethe yaphulukana nobomi bayo kwesi sehlo.
Ukanti aba barhanelwa kukrokrelwa ukuba basebenzise isikhali esitsolo ukungxwelerha amadoda amabini entanyeni, nathe nawo aphulukana nobomi bawo. Amaxhoba amabini aneminyaka engamashumi amabini ananye (21), neminyaka engamashumi amabini anesithathu (23).
Amapolisa aseBetheldorp avule amatyala amathathu okubulala, kwaye eli tyala liphandwa licandelo leProvincial Serious Violent Crime Investigation.
Kucelwa nabani na onenkcukacha ezinokuba luncedo kolu phando ukuba aqhakamshelane nomphandi weli tyala kwiProvincial Serious Violent Crime Investigation Unit. Lo mphandi, uDetective Captain Monde Sithole ufumaneka kule nombolo 082 457 2812 okanye utsalele inombolo yeCrime Stop ethi 08600 10111.