Iindaba

IVIDIYO: UMama Joy utyhilizele umntwana kuba efuna ukuvela kumabonakude!

Tauriq Hassen|Published
Umlandeli omkhulu uJoy ‘Mama Joy’ Chauke.

Kubonakala ngathi uMama Joy, akahlali engumntu owonwabileyo okanye onoyolo ukulandela igama lakhe nanjengoko iluhlobo aziwa ngalo. Oku kuza emva kokuba ebhaqwe yikhamera kamabonakude etyhilizela pha kude ingalo yomntwana ebephakamise iipowusta okanye imifanekiso kaRonwen Williams.

Esi senzo sihlokomise abaninzi kumakhasi onxibelelwano apho uninzi belugxeka uMama Joy, yabe igcuntswana lihleka lithethelela uMama Joy.

UJoy Chauke, nowaziwa ngelikaMama Joy, ebengomnye wabantu ebebebukele ibhola ekhatywayo kumdlalo ohlakulela iAfrica Cup of Nations, nobuphakathi kweBafana Bafana kwakunye neCongo eGqeberha ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo.

Le nkwenkwana ebiphakathi kwabantu abangaphaya kwe30 000 ihleli ngakuMama Joy, kwaye ibiphakamise iphepha layo ebelinobuso beKapteni yeBafana Bafana, uRonwen Williams noyinzalelwane yaseGqeberha – iphepha elo liye lasitha ubuso bukaMama Joy.

Lo mama ubonwe ekhawuleza etyhiliza ingalo esusa nelo phepha ebusweni bakhe kuba efuna kuvele obakhe ubuso obuqhelekileyo, ngethamsanqa nekhamera kamabonakude yabe ijongise kubo ngqo ngethuba lale mishimishi.

Uluntu loMzantsi Afrika kumakhasi onxibelelwano oluzibonele le vidiyo nesele indanda kumakhasi onxibelelwano, lumgxeke kabukhali uMama Joy, abaninzi bedanile sesi senzo besithi ngeyenike umntwana ithuba naye avele.

Nazi ezinye zezimvo ezimbalwa ezithatyathwe kwikhasi likaFacebook leli phephandaba I’solezwe lesiXhosa behlomla kwiviyido ebifakiwe.

UNdlal’ivalile Mnganu: “Lo mfazi makanike abantwana ithuba nabo bavele kumabonakude, sidikiwe kukubonana naye oko.”

Loyiso Makunga: “Papa Joy wayengekho ngoko ebegowa umama.”

Nomzamo Madlulela: “Unochuku lo mama, lo mntwana ebezama ukuhoywa ngumntu wekhamera ebengaboni noba ivela kweliphi icala. Kunini wavela, hayi besingekho isidingo sala nto.”

Mpetile Ziyanda: “Mama Joy ebengavuyanga izolo (Lwesihlanu).”

Nyamza Bzk Jojo: “Umabonakude ngokaMama Joy ayixoxisi.”

Bhuti Sheleni Gadi: “Ikhamera ibilungiselelwe uMama Joy, iyadelelwa le ntwana izisa iphepha ebusweni ehleka.”

Bzaaro B Booza: “Lo gogo bekufanele ukuba umncedisile lo mntwana adlulise umyalezo kwiikhamera kunokwenza ubukrwada, kunini wavele kumabonakude uMama Joy hayi maan, ewe ikhamera ibijongise kuye kodwa ngeyekhe waba ngumakhulu nakula mntwana.”