AmaPolisa aseNgqamakhwe emva kokuba esabele ikhwelo lokuba kunabarhanelwa abakhwele kwiQuantum, neyuruza kumbindi wedolophu eNgqamakhwe, adibene neembila zithutha emva kokuzama ukuyimisa le Quantum, ze abuliswa ngeembumbulu zompu.
Aba barhanelwa kurhaneleka ukuba banento yokwenza nokuqhekezwa kwamashishini kwanokunyanzela amashishini ahlawule imali, extortion ngelasemzini, kule dolophu yaseNgqamakhwe.
Ingxelo ephuma kuLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ithi, amarhe athi le Quantum ibifuna imali ye-‘extortion’ kumashishini akumbindi wale dolophu.
AmaPolisa azame ukuyimisa le teksi, nalapho abarhanelwa bethe badubula kuqala, ze amaPolisa abuyisa izitya, nekuthe kwabhubha umrhanelwa wamnye onama31 ngeminyaka ubudala, abanye abarhanelwa babaleka ngeQuantum leyo, kwaye abakafumaneki.
AmaPolisa afumene umpu (revolver), kumrhanelwa lowo othe wabhubha ngethuba kudutyulwana.
ULieutenant General Nomthetheleli Mene ulumkise abarhanelwa esithi baphezu kokuqinisekisa ukuba uluntu lukhuselekile ekuhlaleni. UMene uthi oku abazukuhlekela, kwaye uthi baza kuqinisekisa ukuba bayabanjwa abo bophul’ umthetho.
AmaPolisa abongoza intsebenziswano kubahlali, kwaye athi nabani na onokuba nolwazi eze ngaphambili okanye atsalele isikhululo samaPolisa esikufutshane.