Iindaba

Babhaqwe beyi-42 abafundi kwiQuantum enye eMonti!

Tauriq Hassen|Published

UMasipala ombaxa iBuffalo City ubongoza inkathalo kubazali, emva kweQuantum ebhaqwe eMonti ilayishe ngaphakathi abafundi abayi42 nabasebancinci ngokweminyaka nabafunda kwizikolo ezahlukeneyo zaseMonti.

I-BCM iyasikhalimela kabukhali esi senzo nalapho ithi oku kubeka ubomi babantwana esichengeni.

Isithethi saseBCM, uSamkelo Ngwenya, umemelela kubazali ekubeni baqaphele ukuba abantwana babo baya njani na esikolweni. Uthi noko akaqondi ukuba abazali bayayazi ukuba abantwana babo bagcwaliswa kanje.

“Le Quantum ibhaqwe izolo kusasa ngoLwesine ngethuba besiya esikolweni. Kwaba bafundi bangama42, abafundi abasixhenxe (7) baye babaleka. Umqhubi weQuantum ubanjiwe kwathathwa neQuantum leyo yakhe nethe xa ihlolwa kwafumaniseka ukuba azisebenzi kakuhle neziqhoboshi zayo nebinokuthi ibeke abantwana esichengeni,” utshilo uNgwenya.

UNgwenya uthi kodwa luxanduva labazali ukuba bayazi ukuba abantwana babo baya njani esikolweni ingakumbi abo banabantwana abasebenzisa izithuthi zikawonkewonke.

I-BCM ikwabulele kwaye ikwancoma intsebenziswano kumaGosa ezeNdlela athe abona le nto ayinqanda kuba esindisa ubomi babantwana.

I’solezwe lesiXhosa liyibonile le vidiyo indanda kumakhasi onxibelelwano apho amaGosa aseBCM esindisa aba bafundi ibakhupha kule Quantum.

I-BCM ikwahlab’ ikhwelo kubazali nakootitshala ekubeni xa bebona izinto ezinje bathethe ukunqanda kungade kwenzeke into embi.