Isikhululo seenqwelomoya iKing Phalo eMonti. Umfanekiso: Buffalo City Self-Drive Routes
Zonke iinqwelomoya eziya nezisuka kwisikhululo seenqwelomoya saseMonti, iKing Phalo Airport zinqunyanyisiwe ngoLwesibini ekuseni. IAirports Company South Africa (ACSA) ikuqinisekisile oku kwingxelo. Oku kukunqunyanyiswa kwesibini kwesi sikhululo seenqwelomoya kwisithuba esingaphantsi kwenyanga.
Isithethi seAir Traffic and Navigation Services (ATNS) SOC Limited, uMphilo Dlamini ukuqinisekisile ukuphazamiseka kweenqwelomoya, kuquka ukulibaziseka kunye nokurhoxiswa kwazo kwisikhululo seenqwelomoya iKing Phalo ngenxa yemozulu embi yanamhlanje (uLwesibini) nokungafikeleli kwimigaqo nezikhokelo ezimiselweyo ukubhabha emoyeni kule mozulu.
“Isikhululo seenqwelomoya iKing Phalo sisebenzisa iindlela ezimbini zeenqwelomoya: URunway 29 kunye noRunway 11. Okwangoku, inqwelomoya inokumka kwaye ifike ngaphandle kokuphazamiseka xa kusetyenziswa uRunway 29. KuRunway 11, iinqwelomoya azikwazi ukufikela kule ndlela yeenqwelomoya ngexesha lemozulu embi njenganamhlanje (ngoLwesibini).”
UDlamini uthe iATNS ingaqinisekisa ukuba iSouth African Civil Aviation Authority (SACAA) ibaqinisekisile ukuba iinkqubo zohambo lweenqwelomoya kwiRunway 11 ziyakhawuleziswa kwaye iimvume zilindeleke ngomso, ngoLwesithathu, umhla wesithoba kweyeDwarha 2024.
Othethe egameni leSebe lezoThutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi ukulibaziseka nokurhoxiswa kweenqwelomoya asiyonto ebavuyisayo kwaye bayaluqonda udano lwabantu.
“Kodwa sinqwenela ukubakhumbuza ukuba ukhuseleko lwabahambi lubaluleke kakhulu, njengoko sikuqonda ukuphoxeka kwabo, lo ngumba ongaphezu kwethu. Siyawathemba amacebiso esiwafumana koogxa bethu abaziingcali zeenqwelomoya kwaye sisoloko sinxibelelana nabo,” utshilo uBinqose.