Yindoda enamashumi amathathu (30), ekulindeleke ukuba ivele kwiNkundla zamaTyala eMonti ngoMvulo, kwiveki ezayo, malunga nezityholo ejongene nazo zokubulala kwanokuzama ukubulala.
Oku kuza emva kokuba ngezithuba zentsimbi yesixhenxe ngoLwesithathu izolo, phambi kwehotele ethile eQuigney, eMonti, kuthe kwabhaqwa amadoda amabini ekwimoto eluhlobo lweAlmera Nissan omnye ekwisitulo somqhubi logama omnye ekhwele ecaleni kwesi somqhubi, benamanxeba okudutyulwa kwaye sele ebhubhile omabini la madoda.
ULieutanant Siphokazi Mawisa uthi, amaPolisa afike sele ebhubhile la madoda asemotweni. Uthi elesithathu ixhoba lifunyenwe kwigumbi ebebelibhatalele kule hotele nalo linamanxeba okudutyulwa kodwa lisaphila, neliye labalekiselwa esibhedlele apho lilwela ubomi balo.
Ingxelo ephuma kumaPolisa aseMpuma Koloni ithi, le ndoda ibanjwe ngorhatya kwayizolo ngethuba ikwisikhululo samaPolisa edolophini eMonti.
Le ndoda ibiye kuvula ityala lobuqhopholo neye kwabakho neenkcukacha malunga nala madoda mabini ababhaqwe kule Nissan eQuigney, nekulapho iye yavalelwa ngaphakathi eziseleni, isolwa ngokubandakanyeka kwesi sehlo.
Ngokwengxelo ekhutshwe ngamaPolisa umrhanelwa liGosa loMasipala ongachazwanga kwezoMthetho. Kulindeleke ukuba livele ngoMvulo umhla we12.