Iindaba

UMcKenzie ufunga ukukhupha amagama abantu abaxhamle kwiSebe

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uGayton McKenzie.

UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uGayton McKenzie.

Umphathiswa osandula kuqeshwa njengoMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, uGayton McKenzie ubengundaba-mlonyeni kwezi veki zidlulileyo ngenxa yezinto athe wazithetha kumajelo eendaba nakumakhasi akhe onxibelelwano.

Kutshanje ubhengeze ukuba uza kupapasha amagama eemvumi, abayili kunye nabantu bezemidlalo abafumana inkxaso-mali kwiSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko.

“Ndinike umyalelo wokuba kupapashwe uluhlu lwazo zonke iimvumi, abayili kunye nabantu bezemidlalo abebefumana imali kwiSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko kuquka nemali efunyenweyo kunye nezizathu. Iphelile into yokuba kuxhamla abantu abathile,” ubhale watsho uMcKenzie kwikhasi lakhe likaX.

UMcKenzie uqhube wathi ukuba umntu akenzanga nto iphosakeleyo okanye akazange azuze, akukho sizathu sokoyika. “Ndinike umyalelo ocacileyo wokuba uluntu lwaziswe ngabantu abafumene inkxaso-mali. Ndothuke ndakubona ukuba zininzi iimvumi ezikhalazayo ezifumana imali kweli Sebe.”

Ukwathe iSebe lakhe liyekile ukuhlawulela iihambo zabalandeli abakhulu bezemidlalo kwaye le mali iza kusetyenziswa apho ifuneka khona.

“Ndiye ndazimisa zonke iihambo zabalandeli abakhulu, sinabadlali namagcisa asokolayo ukufumana imali yokuzimasa imisitho yemidlalo nemiboniso, sithethelela njani ukuhlawulela abalandeli? Asizukuphinda sizihlawulele ezi hambo kwaye siza kusebenzisa loo mali apho ifuneka khona kakhulu,” utshilo uMcKenzie.

UMama uJoy noBotha kwiNdebe yeHlabathi yoMbhoxo eFrance.

Ekuqaleni kwalo nyaka, abantu bebengonwabanga kukuva ukuba iSebe lichithe imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1,3 million) kuhambo nendawo yokuhlala yabalandeli bezemidlalo ababini abadumileyo eMzantsi Afrika, uJoy ‘Mama Joy’ Chauke noBotha Msila, ababeye kwiNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ebiseFrance kunyaka ophelileyo.

Olu lwazi lufunyenwe kwiSebe emva kwesicelo seAfriForum ngokoMthetho wokuPhakanyiswa koFikelelo kuLwazi (PAIA).

Esi sicelo, esangeniswa kweyeDwarha wonyaka ophelileyo, sasifuna iingxelo namaxwebhu aneenkcukacha wezinto ezichithwe liSebe ngokusa uChauke noMsila kule tumente.

Abantu bavakalise ukungoneliseki kwabo malunga nendlela imali yabo yerhafu esetyenziswe ngayo kwizinto ezinjengokuxhasa uhambo lwabalandeli abakhulu. Isibhengezo sikaMcKenzie sivunywe ngabo bebekade bengonelisekanga kukuba uChauke kunye noMsila baxhaswa ngemali ukuya kwiitumente zemidlalo.