Izandla zomntu oneMpox.
Isebe lezempilo liqinisekisile ukuba umntu wesithathu (3) ubhubhile ngenxa yeMpox kwaye inani labantu abafunyenwe benesi sifo kweli linyuke laya kutsho kwishumi elinesithandathu (16).
Ngokwesebe, umntu osandul’ ukubhubha sesi sifo yindoda eneminyaka engamashumi amane (40) ubudala yaseLadysmith KwaZulu-Natal, ebonakalise iimpawu ezifana nengqakaqha kuquka nerhashalala emzimbeni wonke.
“Akazange aye esibhedlele wasweleka endlini. Iziphumo zakhe zibuye zangqina ukuba uneMpox ngeCawe, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeSilimela,” sitshilo isithethi seli sebe kuzwelonke, uFoster Mohale.
UMohale uthi babini abanye abantu abaqinisekisiweyo ukuba banaso esi sifo eGauteng. Omnye yindoda eneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala, nofunyaniswe enesi sifo ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeSilimela kwiziko lezempilo labucala eGoli.
Umntu wesibini yindoda eneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) ubudala, owafunyaniswa enesi sifo kwiziko lezempilo laseMamelodi ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeSilimela.
“Babonisa iimpawu zesi sifo kwaye babengenambali yokutyelela amazwe angaphandle,” utshilo uMohale.
Kubantu abalishumi elinesithandathu (16) abafunyenwe beneMpox, abasibhozo (8) kubo ngabaKwaZulu-Natal, abasixhenxe (7) basuka eGauteng, omnye (1) ngowaseNtshona Koloni.
Bonke abantu abaneMpox bangamadoda kwaye baphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ukuya kumashumi amane anesithathu (43) ubudala.
IMpox sisifo esosulelayo kwaye umntu unokusifumana ngokudibana nesi sifo kwisilwanyana okanye kumntu onaso, okanye izinto ezosulelwe sesi sifo.
Esi sifo kuthiwa siyathintelwa kwaye siyalawuleka kwaye unyango lwaso luyafumaneka.
Abantu abasemngciphekweni omkhulu baquka abo baphila nezigulo ezingapheliyo ezifana neHIV, iTB kunye nesifo seswekile.