USekela Mongameli waseMalawi uSaulos Klaus Chilima osweleke kwingozi yenqwelomoya nabanye abalithoba.
USekela Mongameli waseMalawi uSaulos Klaus Chilima kunye nabanye abakhweli abalithoba basweleke kwingozi yenqwelomoya.
UMongameli waseMalawi uLazarus Chakwera uqinisekise ukubhubha kwabo kwintetho yakhe nesizwe ngoLwesibini, emva kokuba le nqwelomoya ilahlekile ngoMvulo.
Umnu. Chilima, 51, wayekhwele inqwelomoya yomkhosi eyayisuka kwikomkhulu laseMalawi iLilongwe ngentsimbi ye9:17 kusasa.
Inqwelomoya ibizakumisa kwisikhululo seenqwelomoya saseMzuzu ngo10:02 ekuseni kodwa ayizange ikwazi ukuhla ngenxa yokungabonakali kakuhle ezantsi kwaze kwayalelwa ukuba ibuyele komkhulu.
Abasemagunyeni baye basilela ukunxibelelana nale nqwelomoya emva kokuba ingakhange ibonakale kwisixhobo esiyilandelelayo kwaye kwaqaliswa ukukhangelwa kwayo.
“Ndibuhlungu kakhulu, ndiyaxolisa ukunazisa nonke ukuba ijike yaba sisihelegu esimasikizi,” utshilo uMnu. Chakwera esazisa abantu.
Uqhube wathi, “Iqela lokukhangela kunye nohlangulo liyifumene inqwelomoya kufutshane nenduli, bayifumene itshatyalaliswe ngokupheleleyo kungekho bani usindileyo.”
UMongameli uthe indawo yengozi ibikwindawo enentaba yeHlathi laseChikangawa.
Uthe bonke abakhweli babhubhe xa inqwelomoya yantlitheka yabetha ezantsi kwaye imizimba yabo iza kubuyiselwa kwikomkhulu ngumkhosi.